Iindaba

Igqwetha lomgunyathi laseMonti ebeligqumza abantu ngokubathengisela izindlu liseziseleni

Abongile Ginya|Published

Obezenza igqwetha laseMdantsane ubanjiwe nobethengisa izindlu ngaphandle kolwazi lwabanikazi bezindlu.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Useziseleni elindele umhla wokuphinda avele phambi koMantyi waseMonti uMzukisi Boya (43) nobanjwe ngomhla wama20 kule nyanga sikuyo eMdantsane ebanjelwa izityholo ajongene nazo ezifana nobuqhophololo, ukufoja kwanokuzenza umntu womthetho.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samaPolisa aseBuffalo City, uCaptain Hazel Mqala, ithi, uBoya ebezenza igqwetha elijongana nokuthengiswa kwezindlu ezenza ophantsi kweenkampani ezintathu zomgunyathi, iNative Sense Property Management, Skade Attorneys kwakunye nePakade Attorneys. Oku ebekwenza eBuffalo City, ikakhulu eMdantsane naseMonti, ekwenza ngaphandle kolwazi lwabanikazi bezindlu.

UMqala uthi uphando olwenziweyo lubonisa ukuba amaxhoba kaBoya ebemthembile ethenga kuye izindlu ebefaka imali yediphozithi kwiakhawunti kaBoya ngqo. Izindlu bezixabisa phakathi kweR120 000 neR250 000.

Uphando lukwabonise ukuba umrhanelwa akalogqwetha elisezincwadini kwaye engenawo namagunya.

Umrhanelwa uvelile enkundleni eMonti ngoMvulo wale veki, ityala lakhe lamiselwa uphando oluphangaleleyo kwaye ulinde ngaphakathi.