Iindaba

EFF: 'Kumoshwe ixesha lethu iminyaka esixhenxe yonke'

Abongile Ginya|Published

UNobhala jikelele weEFF Marshall Dlamini, CIC Julius Malema kwakunye noAdriaan Synman ngethuba bengena ngaphakathi enkundleni yamatyala eMonti ngoMvulo kule veki.

Image: EFF

Libuyela ngentsasa yangomso (uLwesibini) ityala elijongene nekokheli yeEFF uJulius Malema kwakunye natyholwa naye uAndriaan Snyman emva kwemini ende yayizolo (uMvulo) bemamele uMantyi uOlivier Twanette efunda umqulu wohlalutyo lobungqina obuza kukhokelela kwisigwebo esakuthi sinikwe esi sibini.

UMalema noSnyman bajongene netyala apho uMalema wadubula phezulu ngethuba lo mbutho ubhiyozelaukugqiba iminyaka emihlanuusekiwe ngo2018 kwibala lezemidlalo eMdantsane.

USnyman, nowayeyiNtloko yenkampani yokhuseleko ngelo xesha ekwangunogada kaMalema, ujongene netyala lokuyeka okaMalema asebenzise umpu esidlangalaleni.

UNobhala Jikelele weEFF, uMarshall Dlamini, ugxeke inkundla ngelithi bayalibaziseka makude kugqitywe kuba kuninzi ekufanele kwenizwa yinkokheli yabo ngaphandle. UDlamini uthi akukho kwatyala apha futhi zange libekhona kwango 2018.

Uqhube wathi makade athethe uMantyi ahlukane nobugwala.UDlamini ukwabulele abaxhasi nabalandeli beEFF ebebezalise ngaphandle kwenkundla eMonti ngeliyokuxhasa inkokheli yabo bedela loomvula bekwafuna ukuva isigqibo esithathwayo ngenkokhei yabo.

NgoLwesibini uMalema kulindeleke ukuba athethe nabalandeli bakhe emva kwesigqibo sikaMantyi.