Ikhutshwe ngebheyile indoda ejongene nezityholo zobuqhophololo emva kokufumana ithenda yeR1,9 Billion.
Image: IOL
Kulindeleke ukuba ivele kwakhona phambi koMantyi waseMthatha indoda egama linguPhindile Mtshabe (41) nejongene nezityholo zobuqhophololo emva kokuba kwathi kwangena kwiAkhawunti yakhe imali eyiR1.9 MILLION.
Ngokwengxelo ephuma kooKhetshe eMpuma Koloni ithi ngonyaka ka2015, inkampani ekuthiwa yiLakhaza Construction yafumana ithenda yokulahla inkunkuma kuMasipala iNtabankulu. Umlawuli weLakhaza Construction wachonga uMtshabe njengomlawuli weprojekthi ngokumthemba emnika uxanduva lokujonga amaxabiso ezixhobo zethenda.
Isithethi seHawks uWarrant Officer Ndimphiwe Mhlakuvana uthi uMtshabe weza nolwazi obubuxoki ngelithi izixhobo uzifumene kwiNatal Scales Company kwakunye neEkagubhela Hyper Projects.
Ingxelo iqhuba ithi umrhanelwa waye wadlulisa nge akhawunti yebhanki esithi yeyezinkampani zimbini kanti kodwa kuphando lwaveza ukuba ziphantsi kwegama lakhe. Imali eyiR1.9 million yafakwa ngokukhawuleza kwi akhawunti yakwaStandard Bank nekaFNB.
Ingxelo iqhuba ithi, zadlula iintsuku zingade zifike izixhobo newkwaye kwafumaiseka kuphando olwenziwayo kukuba umrhanelwa waye wenza ubuqhophololo. Ityala laye lavulwa ladluliselwa kwiiHawks ukuze zenze uphando.
UMhlakuvana uthi emva kweminyaka ekhangelwa uMtshabe, uye wabe uyabanjwa kuLweishlanu weveki ephelileyo wabe sele evela phambi koMantyi eMthatha noye wakhululwa ngebheyile yeR2 000. Le nyewe iyabuyela kwakhona ngomha wama21 kwinyanga ezayo.