Abarhwaphilizi bemke nemali engaphaya kweR2-billion kulwabiwo leethenda ezakhunjwa ngomgunyathi.
Image: Itumeleng English
Iqumrhu eliphanda urhwaphilizo, iSpecial Investigating Unit (SIU), lixelele ilizwe lonke ukuba kuthathwe imali engaphezulu kweR2-billion ngobuqhophololo kwisibhedlele saseThembisa kwiphondo laseGauteng.
Ngokwengxelo ekhutshwe yiSIU ekuqaleni kwale veki, le mali ilahleke kulwabiwo leethenda ezikhutshwe nguRhulumente waseGauteng ukusukela ngo2021. UBabita Deokaran, owantama ubusela kwisibhedlele saseTembisa, wagqithiswa amafu esekhayeni lakhe eWinchester Hills ngonyaka ka2021.
Ekuqaleni kokuvakala korhwaphilizo olwenzeka esibhedlele saseTembisa, imali eyakhutshwa ngeethenda yayiqikelela kumakhulu asibhozo ezigidi zerandi (R800-million) ngelo xesha. Kodwa emva kophando olunzulu elenziwe yiSIU, kuvele ukuba kuthathwe iibhiliyoni zerandi.
Intloko yeSIU, uAdvocate Andy Mothibi, ithe omnye wabantu ekuthiwa uxhamle kurhwaphilizo nguHangwani Morgan Maumela ekuthiwa usebenzisana noVusimuzi Matlala ongusomashishini osezinkathazweni zomthetho.
Iimpahla zexabiso zikaMaumela ezithe zabhaqwa yiSIU zixabisa imali eqikelelwa kwiR520-million. Kwezo zinto kukho iimoto zodidi oluphezulu nezindlu ezixabisa iR293.4-million. Phakathi kweempahla ezithinjiweyo yiSIU kukho indlu eseKapa, eseNorth West, ezimbini eSandton, enye eKwaZulu-Natal nezinye ezimbini futhi eNtshona Koloni.
Iimoto zodidi oluphezulu ezithinjiweyo zisibhozo. Omnye usomashishini ekuthiwa ngungqondongqondo yiSIU nguRudolph Mazibuko ofumene iR283-million. Kanti omnye ongachazwanga ngegama wafumana imali esondele kwiR600-million.
Ingxelo yeSIU ithi abasebenzi besibhedlele bafumana imali eqikelelwa kwiR120-million koosomashishini abafumana iithenda ngomgunyathi. Le mali yabelwa abasebenzi abalishumi elinesihlanu abasebenza esibhedlele ukuze benze okufunwa ngoonothenda.
"Aba ngabasebenzi abenze umonakalo omkhulu kwisibhedlele saseTembisa," utshilo uMothibi weSIU. Abanye abaphathi besibhedlele kuthiwa bafumana imali eyiR30-million koosomashishini abaquka uHangwani Morgan Maumela noVusimuzi Matlala.