Iindaba

Iguqule ubomi ibhulorho entsha emva kweminyaka besokola abantu eMaxesibeni

Pedro Mapelo|Published

Ibhulorho entsha kwiilali zaseMaxesibeni inike ukhuseleko abantu beelali ezikufutshane emva kokusokola iminyaka emininzi.

Image: Mzimvubu Municipality

Ubomi babantu beelali zaseMaxesibeni abusafani nakuqala. Oku kulandela ukwakhelwa kwabo ibhulorho entsha kraca ngumkhosi wokhuselo eMzantsi Afrika kutshanje. Abantu belali yaseSihlahleni naseWelakabini banethuba elide kakhulu benqumla emlanjeni obubeka ubomi babo emngciphekweni ngenxa yebhulorho yezinti ebikhona ngaphambili. Eyona nto ebimbi kakhulu kukuba abantu beelali ezisondeleleneyo bebengakwazi ukuhamba ngokukhululeka, ngakumbi abantwana bezikolo ezikufutshane ebhulorhweni.

Usodolophu waseMzimvubu, uZukuswa Ndevu, ukwamkele ngovuyo olukhulu ukwakhiwa kwebhulorho ayichaze njengento eza kuguqula indlela abahleli ngayo abantu beelali eziphantsi kukawadi 6. Kwiminyaka edlulileyo, abantu beelali zaseMaxesibeni babangela isankxwe elizweni lonke emva kokuba bavezwa kumabonakude bewela emlanjeni oyingozi ngeenyawo. Kwaye kwangenelela amasebe kaRhulumente kazwelonke ngenxa yokuba umasipala wayengenawo amandla okwakha ibhulorho ekumgangatho ekuwo ngoku.

"Sibulela amasebe kaRhulumente asakhele ibhulorho eza kudibanisa abantu beelali kutsho kufunquke neentshukumo zoqoqosho. Ingozi yokuwela umlambo xa kune iimvula ezinkulu icuthiwe ngokwakhiwa kwebhulorho," utshilo uNdevu kwingxelo ebhaliweyo ekhutshwe ngumasipala. Abantu baseSihlahleni naseWelakabini baza kuwela umlambo ngeWelisizwe Bridge bengenalo nelincinci ixhala lokumka namanzi ukusukela ngoku. Abantu abaya eklinikhi eseMwaca nabo batsho bafumana indlela ekhuselekileyo yokuwela.