Intloko yezobuntlola, uDumasani Khumalo, ufunelwe unyango ngokungxama namhlanje emva kokungaziva kamnandi ePitoli.
Image: Timothy Bernard/Independent Newspapers
Ufumana unyango uNjengele uDumisani Khumalo emva kokubalekiswa esibhedlele ngentsasa yanamhlanje. Le ntloko yezobuntlola esipoliseni ikhale ngokungaziva kamnandi phambi kokunika ubungqina kwinkqubo yekomishini kaMadlanga eqhutyelwa eBrigitte Mabandla Justice College, ePitoli.
UMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke, uFannie Masemola, uqinisekise uluntu ukuba uKhumalo ufumana unyango olusemgangathweni ophezulu. Lo kaKhumalo ngumntu wesine onike ubungqina kwikomishini ephonononga ukuwa kwenkqubo yomthetho eMzantsi Afrika okwaxelwa nguNjengele Nhlanhla Mkhwanazi ophethe KwaZulu-Natal.
UMongameli Cyril Ramaphosa wasungula ukomishini eza kubeka esikalini ubungqina emva kokuba uMkhwanazi wathi kukho abantu abangootsotsi nabathengisa iziyobisi abaphazamisa indlela asebenza ngayo amapolisa KwaZulu-Natal naseGauteng.
Kubhengezwe ukuhlehliswa kwenkqubo namhlanje emva kokugula kukaKhumalo ongomnye wabantu abaze nobungqina oburhintyele uSenzo Mchunu ekwathiwa usebenzisana nezaphulimthetho enguMphathiswa wamaPolisa.
Ukusukela ngoko, uRamaphosa waye wamnika ikhefu okwethutyana kude kusongwe inkqubo. inkqubo yekomishini kaMadlanga iza kubuyela esiqhelweni ngomhla weshumi elinesithathu kule nyanga ngenxa yokungabokho kwenye yeentloko ezikhokela ubungqina.