UJulius Malema uufunyenwe enetyala yinkundla yaseMonti namhlanje.
Image: FILE
Inkokeli ye-Economic Freedom Fighters, uJulius Malema, ifunyenwe inetyala yinkundla yaseMonti ngentsasa yanamhla. Oku kulandela ukumangalelwa kwakhe yiAfriForum ngokudubula umbayimbayi wompu esidlangalaleni. Isiganeko senzeka eSisa Dukashe Stadium, eMdantsane, apho kwakubanjelwe khona imibhiyozo ngonyaka ka2018.
UMantyi uthe uMalema ubaleke imibuzo ebalulekileyo ngethuba kuqhutywa ityala. Isigwebo esipheleleyo sawiswa ngelinye ixesha emva kweentsuku ezintathu kuhanjwa enkundleni yaseMonti.