Iindaba

ATHOL TROLIP: 'Akukho rhulumente kwaye lihlazo into yabantu bakwaWadi 13 eBCM!'

Abongile Ginya|Published

Abahlali baseBetterlife bavakalise ukungonwabi kwabo ngethuba betyelelwe nguAthol Trolip weAction SA.

Image: Yoliswa Kundulu

Bayibalise yambi imeko yabo abahlali baseBetterlife ekwaWadi 13 phantsi koMasipala ombaxa iBuffalo City ngethuba ilungu lePalamente lombutho ophikisayo iAction SA, uAthol Trolip, eyokusabela izikhalo zabo ekuqaleni kwale veki ngoLwesini.

UTrolip nesigqeba sakhe uSihlalo eMpuma Koloni uNongoma Mtitshana kwakunye nosihlalo waseBCM uSanele Magaqa. UTrolip uthi le indawo akufanelanga ukuba ihlala abantu kuba iluhlazo kwaye kufana nokuba urhulumente akakho.

"Kudala ikhutshwa imali kwibhajethi ngurhulumente kodwa akukhonto itshoyo. Imbi imeko abahlala kuyo aba bantu. Izindlu azigqitywanga kodwa kudala kukhutshwa ibhajethi. Kwegqityiweyo akukho zifestile, akukho minyango, akukho zindlu zangasese futhi akukho nondoqo, amanzi. Urhulumente akekho kule indawo. Lihlazo kuba akavakalelwa yimeko abakuyo abantu bakhe," utshilo uTrolip.

Oku kuza emva kokuba abahlali bangena ngenkani besuka eReston ekuthambekeni konyaka ka2022 kule ndawo bakuyo zabe izindlu zingekagqitywa zonke. Ukusukela ngoko, oko besilwela ukungeniswa kwabantu baseDuncan Village kuba besithi la ndawo ngumhlaba wabo.

Ngethuba sincokola nabahlali bathe into abakuyo ayondawo ifanele ukuhlala abantu bekwavuma ukuba bangena ngenkani kuba babefuna urhulumente aye kubo ayokusabela izizathu zokungena kwabo ngenkani. Baqhube bathi le yinyewe endala kwaye zange kwaziwa kubo kuzosatyelwa izizathu. Endaweni yoko, kumane kusenziwa izithembiso kungade kufikwe.

Bathe bahleli ngongciphu kuba nanini impepme ingakhala bakhutshwe nanjengoko kukudala kumane kusenzeka. Bathi ukuqala kwabo ukukhutshwa kakubi kwaku ngenyanga yoMsintsi ngo2022 abamoshakalelwa ngawo ziimpahla zabo.

Abahlali bakhe bachitha iminyaka eminibni yonke bengenawo amanzi kuba uceba wala wadi wayesithi yena akabazi. Boleke ngelithi iyaziwa imeko yabo ngurhuleumet waseMpuma Koloni nempathombi abaphantsi kwayo kodwa akukhonto ayenzayo.