Iindaba

Basemjiva ekufunyenwe kubo iziyobisi ezixabisa iR28-million eCoega

Pedro Mapelo|Published

Kubanjwe amadoda amathathu afunyenwe eneziyobisi eGqeberha izolo.

Image: Police/Facebook

AmaPolisa oMzantsi Afrika athe chu nokuvumbulula iziyobisa ezixakileyo kwiindawo ezihlala abantu. Izolo kubanjwe amadoda amathathu afunyenwe eneziyobisi ezixabisa amashumi amabini anesibhozo ezigidi zerandi (R28-million).

Oku kwenzeke emva kokuba amaPolisa agcina ucwangco ethe ebone imoto eyiToyota RAV4 imiswe ecaleni kwendlela. Athe esabeke iliso kuyo kwathi gqi ehlathini amadoda amabini esindeka amacala ziibhegi ezinkuluazilyishe emotweni.

Kuye kwaphekwa umqhubi wemoto ngemibuzo oye waphendula ngelithi akanalo ulwazi lezinto ezifakwe ngaphakathi ezibhegini. Iipasela ezintathu ezinku ebezinentsangu ngaphakathi nezinye iziyobisi ziye zathinjwa ngamaPolisa aseCoega abephangele ebusulu izolo.

Bobathathu, abaqikelelwa kumashumi amathathu anesibhozo eminyaka, bagityiselwe entolongweni emva kokubekwa ityala lokufunyanwa beneziyobisi. Kulindeleke ukuba benze utshe enkundleni kaMantyi yaseMotherwell, eGqeberha, kungekudala.