Iindaba

Ligwetyiwe iPolisa laseQumrha nogxa walo abagqumza uRAF izigidi ezihlanu (R5-million)

Abongile Ginya|Published

Ababini bazakuchitha iminyaka engama21 bengaphakathi ejele emva kokufunyanwa bedelele ingalo yomthetho kwanokwenza ubuqhophololo.

Image: IOL

Obengu UWarrant Officer kwisikhululo samaPolisa eQumrha uMandlenkosi Njekanye (50) nogxa wakhe uXolani Somtsewu (45) engamnye ugwetywe iminyaka engamashimi amabini ananye (21) engaphakathi ejele yiNkundla yamaTyala yaseMonti emva kokufunyanwa kwabo benetyala lobuqhopholo kwanokudelela ingalo yomthetho.

Ngokwengxelo ephuma kwiHawks, eMpuma Koloni, ithi ngomhla wama31 kuDisemba ka2020, uSomtsewu nowayengumqhubi webhaki iNissan NP300 ngethuba igaxeleka kwingozi emasikizi kuwhola wenldleala uN2 phakathi kweQumrha neMonti.

Kule ngozi uSomtsewu wayekhwele nomntu ecaleni kwakhe nowaye wabhubha kule ngozi.USomtsewu waye wophuka ingalo kule ngozi wafumana namanxeba.

Isithethi seHawks UWarrant Officer Ndimphiwe Mhlakuvana uthi kwindawo yexhwayelo kwafika AmaPolisa amabini ezokwenza umsebenzi wawo kule ngozi nawaye athi isizathu sengozi ngunobangela wokugqabhuka kwetayala atsho avula iqwakuqwaku.

UMhlakuvana uthi emva konyaka yenzekile le ngozi yesi sibini esigwetyiweyo saya kwisikhululo saseQumrha safika kwiPolisa elalikhona lamyalela ukuba makatshintshe isitetimenti ebabesifake ngaphambili bazokwazi ukufaka isicelo sikaRAF.

Ingxelo iqhuba ithi uRAF waqaphela ukuba azisafani iingxelo ebezenziwe, le ngxelo yathunyelwa kwiHawks.

Esi sibini saye sabanjwa ngomhla wama22 kuNovemba ka2023, sakhululwa ngebheyile yeR500 baquqa bebuyelela ezinkundleni eMonti de babe bayagwetywa.