Iindaba

Ubanjiwe owasePakistan ogile umntu ngemoto wambulala eNtabozuko!

Abongile Ginya|Published

Ubanjiwe owasePakistani ogile wabulala indoda yaseNtabozuko kude kufuphi naseMonti ngorhatywa lwangoMgqibelo. umhla wesine.

Image: IOL

Ubanjiwe ngentsasa yangoMvulo (namhlanje) ummi welizwe lasePakistan (40). Utyholwa ngokugila umntu ngemoto emva koko wabaleka.

Oku kwenzeke emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya langoMgqibelo egqithileyo kuhola wendlela uN2 phakathi kweQonce neMonti ngaseNtabozuko. Ityala lokubulala liye lavulwa kwangoko kwisikhululo samaPolisa saseNtabozuko.

Isithethi seSebe lezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni, uBinqose (Unathi), uthi amagosa abhaqe isixhobo esithile semoto ebesishiyeke kwindawo leyo yexhwayelo ze asebenzisa ubuxhakaxhaka balemihla bamfumana umrhanelwa.

UBinqose uthi umrhanelwa ubanjwe ngale ntsasa kwindlu yakhe eQonce kwafunyanwa nemoto leyo eye yathathwa ngamaPolisa njengobungqina.

UMphathiswa uXolile Nqatha uqhwabele izandla onke amagosa ebelandelela eli tyala.

UNqatha uthi esi isenzo sakuthi sithibaze abanye abantu abagila abantu bakugqiba babaleke nokuthande ukwendela eMpuma Koloni ngokukodwa eBuffalo City. Uqhube wathi oku kukwazisa nobulungisa ngakwisapho lexhoba.

Umrhanelwa uvalelwe wabekwa ityala lokubulala ulindeleke ukuvela phambi kwenkundla kungekudala.