Iindaba

Ugwetywe izihlandlo ezibini zobomi owabulala uceba weANC wadlwengula nentokazi yakhe!

Abongile Ginya|Published

Izihlandlo ezibini zobomi kwindoda yaseDutywa eyabulala uceba ogqiba yadlwengula intokazi kaceba ngo2023.

Image: File

INkundla ePhakamileyo yamaTyala yaseGcuwa igwebe uThembinkosi Dyakophu (39) izihlandlo zobomi ngaphakathi ejele emva kokuba imfumene enetyala lokubulala uceba womasipala waseMbhashe Local Municipality, uMzikayIse Saki (45) kwa nelokudlwengula intokazi kaSaki.

Ngokwengxelo yeNPA, eMpuma Koloni, esi sehlo senzeka ngomhla we21 kweyeKhala ngo2023. USaki wabhaqwa sele ebhubhile ngakwidamana lelali yaseNgxakaxha engakuhola wendlela uN2, eDutywa. UDyakophu kunye nomtshana kaSaki baye babanjwa ngokoyamene neli tyala, kodwa umtshana yena wakhululwa kwangoko emva ngenxa yokungabikho kobungqina obuqinileyo.

Isithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, sithe inkundla yeva ukuba uSaki kwakunye nentokazi yakhe ena28 yeminyaka ubudala babegoduka bebuya kwindawo yentselo edumileyo eyaziwa ngokuba yiKwarini Village eseNgxakaxha ngethuba behlaselwa ngamadoda amabini.

Ingxelo iqhuba ithi aba barhanelwa badlwengula intokazi kaSaki phambi ebukele emva koko babulala uSaki. Intokazi le, uDayokophu wayoyigcinwa kwindlu ethile emane ukuyidlwengula de kwasa phandle. Emva koko wayiyalela ukuba igoduke kwaye ingahambi ngakwindlela enomzimba kaSaki.

Ixhoba laphuma lanethuba loyokuchaza okwenzekileyo, wabanjwa kwangoko ngamapolisa uDyakophu kumzi wasebumelwaneni. iNPA isamkele isigwebo esinikwe uDyakophu.