USekelamongameli uPaul Mashatile ebetyelele eQunu, eMthatha, kwiveki ephelileyo.
Image: Facebook
Isekela likaMongameli, uPaul Mashatile, lishiye ilizwi elithi uRhulumente uza kuzilungisa izinto abakhala ngazo eQunu.
Kwiveki ephelileyo ngoLwesine, uMashatile, abaphathiswa bamasebe kaRhulumente kaZwelonke nabephondo, babambe intlanganiso nabantu baseQunu, eMthatha, abakhala ngokunqaba kweenkonzo ezisuka kuRhulumente.
Phakathi kweenkokeli zikaRhulumente ebeziyinxalenye bekukho uDavid Mahlobo olisekela likaMphathiswa kwisebe leZamanzi. Abantu bendawo kaMongameli wokuqala kwintando yesininzi, uRholihlahla Nelson Mandela, bavale indlela (N2) eya eMonti kwiiveki ezigqithileyo bekhala ngokungabinawo amanzi acocekileyo nezinye izinto.
Ukungabiko kwamanzi ezitephini kwiindawo eziphantsi kweKing Sabatha Salindyebo Local Municipality (KSD) kuqhelekile. Naye uMahlobo uvumile ukuba kukho iindawo ezininzi ezingenawo kwa zona amanzi kwezinye aphuma aphinde ayeke.
Sekulithuba nayo i'O.R.Tambo District Municipality ikhala ngokonakaliswa kwemitshini yokutsala amanzi kwiindawo ezifana noMthatha. Nokuba kune iimvula ezinkulu, abantu baseKSD abakwazi ukufumana amanzi ngenxa yolwaphulomthetho olukwiqondo eliphezulu kakhulu.
Abantu baseQunu neziphaluka bamxelele uMashatile ukuba iAfrican National Congress (ANC) ayisabakhathalelanga ngoba abanawo umbane namanzi - ezona zinto ezingundoqo empilweni yabantu. Bathe ayibaphathi kamnandi nabo into yokuvala indlela ukuze bahoywe nguRhulumente.
"Zininzi iilali ezingenawo amanzi apha. Ingxelo esinayo iyangqina ukuba ngenene kukho iindawo ezingazange zibe nawo amanzi. Siyalelwe ukuba siqinisekile ukuba siyayiqwalasela lo nto," utshilo uMahlobo kwiSABC News.
UMashatile uthe uRhulumente uzimisele ukuzisombulula iingxaki abajongene nazo abantu baseQunu. "Izinto enikhala ngazo ziphendulwe ngabaphathiswa. Kodwa zikhona ezintsha esizive namhlanje. Ndifuna ukuthi nazo sizivile futhi ziza kuphendulwa," utshilo uMashatile.
Ulebele ngokucela abantu bokuhlala ukuba basebenzisane namapolisa kwicala lolwaphulomthetho ngoba ngamanye amaxesha aboni bayafihlwa besaziwa.