Iindaba

"Uza kundazi”, kwatsho isidlwengu sidlwengula ixhegwazana elihlala lodwa eCofimvaba!

Abongile Ginya|Published

Indoda yaseQhulumanco eCofimvaba igwetywe ubomi ngokufunyanwa inetyala lokudlwengula ixhegwazana.

Image: IOL

Ixhegwazana (79) lelali iQhumanco kuCofimvaba lothuswa yimpendulo elingayindelanga emva kokubuza ukuba ngubani osemnyango xa lalisiva ukuba kukho umntu ozama ukuvula ucango lwalendlu alele kuyo. Impendulo yabuya isithi ‘uza kundazi’, kanti yeyomfana ongumakhelwane waye okwasiso nesihlobo ozokumdlengula.

USiphamandla Phubaso (35), ofunyenwe enetyala lokudlwengula ixhegwazana, imgwebe ubomi ngaphakathi ejele yinkundla yeNgingqi yaseCofimvaba.

Ingxelo yesithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, ithi ngomhla we18 kuTshazimpuzi ka2023, uPhubaso wangena ngaphakathi endlini bajijisana nexhegwazana efuna ukulidlwengula nowaye waphela eligrogrisa ngokulidubula. Umrhanelwa walala ubusuku bonke ngakwixhegwazana wemka ekuseni walibala nezitshixo zakhe.

UTyali uthi ixhoba lavuka lahlab’khwelo kubamelwane lachaza okwenzeke kulo. Lachaza nomrhanelwa owaye wakhangelwa wabhaqwa ephantsi kwebhedi. Umrhanelwa wabuzwa ngutata wakhe owayephakathi kwabahlali ababekhangela umrhanelwa ngelithi yinyani nale ayenzileyo. Waye wavuma ukuba uyenzile kwabizwa amaPolisa wabanjwa.

Ekuqaleni kwetyala likaPhubaso, waye waphika ngelithi khange enze nto, nguye olixhoba ohlaselwa ngabahlali ukuze ade abe ubhaqwa phantsi kwebhedi. Kodwa ngenxa yobungqina obabekwa phambi kwenkundla, wafunyanwa enetyala umrhanelwa.

iNPA ithi ukugwetywa kukaPhubaso kwakuthi kubesisifundo kwaye kudlulise nomyalezo kubenzi bobubi.