Man handcuffed in a jail cell. Indoda yaseDutywa igwetywe izihlandlo ezintlanu ingaphakathi ejele.
Image: IOL
Ithiwe nka ngezigwebo zobomi indoda yaseDutywa. Oku kwenzeke emva kokuba uLwando Phike, obejongene namatyala aliqela enikwe izigwebo zobomi ezibini yiNkundla ePhakamileyo, eMonti. Le ndoda yendawo yaseAuckland, eDutywa, ifunyenwe inetyala lokudlwengula nokuqhekeza izindlu eDuncan Village, eKidds Beach naseCambridge.
UPhike ugqugqise iminyaka eliqela ukusukela ngo2017 ukuya ngo2022 ephatha kakubi abantu kwiindawo eziliqela engade abanjwe ngamaPolisa. Kodwa kuphando obeliqhutywa nguWarrant Officer Lulama Luhadi, okwicandelo lamatyala okhuselo labantwana kwizenzo zobundlonongela nempathombi ngocantsi, lukhokelele ekubanjweni kwakhe.
Isithethi samaPolisa, uLt. Col Siphokazi Mawisa, uthe amaxhoba kaPhike ibingamantombazana aphakathi kweminyaka eyi14 ukuya kweyi24. Amaxhoba ebewagrogrisa ngokuwahlaba ngemela kodwa waqale ngokuwathathela izinto zawo emva koko waze akugqiba wawadlwengula.
Ingxelo iqhuba ithe emva kokuba ziye zaxhonywa inkcukacha zakhe (uPhike) kufuniswa ngaye, waye ekugqibeleni wafunyanwa eziseleni zaseMonti ngelinye ityala lempathombi kula awalenza ngo2023.
INkundla iye yamfumana enetyala ngomhla wama25 kwinyanga ephelileyo waze wanikwa isigwebo kule veki.