Iindaba

Udushe lushiye konzakele abafundi kwabanjwa abanye eFort Hare University

Pedro Mapelo|Published

Abafundi bonzakele emva kokuba kuqhambuke udushe eFort Hare University izolo eDikeni.

Image: UFH/Facebook

Kuqhambuke udushe olushiye konzakele abafundi kwabanjwa abanye ngamaPolisa. Oku kwenzeke emva kokuba abafundi baseFort Hare University, eDikeni, begqibe kwelokuba bagwayimbe ngentseni yangoMvulo wale veki.

Ukuqhankqalaza kwabo kuphazamise inkqubo yesikolo nokuhamba kweemoto kwiindlela ezingena edolophini eDikeni. Izifundo ziye zaqhutywa ngobuchule bale mihla (online) kuphela ngoba ungquzulwano phakathi kwabafundi namaPolisa aye abizwa ukuze azame ukubuyisela ucwangco esikolweni.

Ngelishwa khange ibekho inzolo ngoba kuye konzakala abafundi abahlanu kwabanjwa inani elibonakalayo. Ngaphezulu kokonzakala kwabantu, kubekho ukonakaliswa kwesakhiwo sesikolo okubonakele kwiividiyo ezijikeleziswe kumakhasi onxibelelwano.

Eyona nto ecaphukise abafundi kuthiwa kukuguqulwa komgaqo olawula abafundi benganikwanga ngaphandle kwabo. Abafundi bathi iyunivesithi ivele seyisithi kuza kubakho iinkokeli zabafundi zethutyana (SRC) emva kokuba kuguqulwe umgaqosiseko wabafundi.

"Isigqeba sethutyana ekuthiwa siza kukhokela abafundi asiphumi kubafundi bale yunivesithi," utshilo uAsonele Magxwaxaza, oyinkokeli yabafundi eDikeni. "Abantu ekuthiwa ziinkokeli abonyulwanga ngabafundi, babekwe sisikolo.

"Asikholwa yilo nto ngoba baza kwenza okukholisa isikolo, hayi okufunwa ngabafundi. Sicinga ukuba kukho izinto ezingazukuhamba kakuhle xa kufika ubhaliso lwabafundi abatsha kunyaka ozayo. Sicinga ukuba baza kulawulwa sisikolo," utshilo uMagxwaxaza ethetha kwiSABC News.

Isithethi seFort Hare, uJP Roodt, sithe ukusekwa kwesigqeba esikhokela abafundi kuvele kwintlanganiso yesigqeba esilawula isikolo sonke watsho eyikhanyela eyokungaqini kokhuseleko ngaphakathi esikolweni.

"Sisigqeba esilawula isikolo esigqibe kwelokuba kubekho isikhokelo sabafundi sethutyana emva koko kuza kulandela ulonyulo lweenkokeli zabafundi. Kwicala lokhuseleko, iinkcukacha ziyasibonisa ukuba ulwaphulomthetho luyehla ngoba sinoonogada abangamashumi amathandathu anesine abajikelezayo ebusuku," utshilo uRoodt.