Iindaba

Ibhatelwe imivuzo yabancedisa ezikolweni, utsho uGwarube

Pedro Mapelo|Published

USiviwe Gwarube nguMphathiswa wesebe leZemfundo eSisiseko.

Image: Facebook

UMphathiswa wesebe leZemfundo eSisiseko, uSiviwe Gwarube, uqinisekisile ukuba imivuzo yabantu abancedisa ezikolweni iza kubhatalwa ukusukela namhlanje. Oku ukuthethe ngethuba ethetha neentatheli ngentsasa yangoLwesithathu kule veki ePitoli.

Iingxelo zamajelo eendaba zither bangaphezulu kwamawaka asibhozo abantu abancedisa ezikolweni eMzantsi Afrika abangayifumananga imivuzo yabo kwinyanga ephelileyo. Ukungagcwali kweenkcukacha eziblulekileyo kubalulwe njengeyona nto ebangele kubekho ulibaziseka kwemivuzo yabo.

Abantu abancedisa ezikolweni babhatalwa lisebe leZemisebenzi. URhulumente wasungula inkqubo yokuncedisa ulutsha oludinga imisebenzi ngokulityala ezikolweni ukuze luncedise ootitshala.

Ngamakhulu amabini amawaka, abantu abaneminyaka ephakathi kwamashumi amabni anesihlanu ukuya kumashumi maththu anesihlanu, axhamlayo kule nkqubo iqhubekayo. Kulindeleke ukuba basebenze kude kuphele iinyanga ezintandathu eziphela kwinyanga yeNkanga kulo nyaka.

Akukacaci nokuba uRhulumente uza kulandisa na ixesha labo lokusebenza ezikolweni. Abasebenzi abasebenzisa uCapitec noFNB kuthiwe baza kuyifumana namhlanje eyabo imali.

UMphathiswa nesekela lakhe baxolisile kakhulu batsho bethembisa ngelithi sobe baphinde bangayifumani imali yabo. "Siyayazi indlela enibetheke ngayo. Yimali enithenga ngayo ukutya neniya ngayo emisebenzini. Siyaxolisa kakhulu," utshilo uGwarube.