USomizi Mhlongo nowaziwa ngelika SomG igama
Image: somizipage
USomizi Mhlongo owaziwa ngelikaSomG' uthi kuyo yonke ingxolo nesankxwe esenziwe yinkokheli yamabhinca uNgizwe Mchunu obethuka abeLGBTQI+ kwividiyo yena ufunde okuninzi ebengekwazi. Uthi ebengazi ukuba kunempahla ezinxitywa ebukhosini kuphela, watsho esithi futhi uyakuhlonipha oko.
Isankxwe sidalwe yividiyo eyenziwe nguMchunu apho ebekhwela ezehlela ethuka abeLGBQT+, nalapho athi kudala benyamezele. ‘Kudala zasiqala izitabane zezinja maziphume ziphele’, kutsho uMchunu. Ukwaqhubekekile kwividiyo ekhankanya negama likaSomizi esithi makaqoqe konke okwakhe neqela lakhe lezitabane bemke.
UMchunu uthi badelela uZulu uqobo ngokunxiba isinxibo (imvunulo). UMchunu uqhubekekile kule vidiyo ekhwela ezehlela kuSomizi ethukisa. USomizi uthi uhlobo ayibeke ngalo lokuthukisa uMchunu belukrwada, lurhabaxa kwaye akwamkelekanga kungasoze kwamkeleke nanina.
Uthi oku kwenziwe nguMchunu kukhuthaza udlame ekubeni bajongeke ngenye indlela bacaphukeleke kuluntu."Kona ndifundile bendingayazi ukuba sinempahla ezingafanelekanga ukuba siyazinxiba zezabo basebukhosini kuphela ekufanele ukuba bayazinxiba.
"Ndifundile kwaye ndiyalihlonipha isiko nezithethe ngale ngxolo yenziweyo indivule amehlo," utshilo uSomizi Mhlongo. Ukwayalele bonke abe LGBTQI+ ekubeni bangazithengi ezimpahla bahloniphe isiko.
Ukwabakhuthazile ukuba bangabuyisi udlame ngodlame ngoko baphole kwaye bazazi ukuba bangobani.USomizi uthi ikomishini elwela amalungelo abantu bayiphakame ithabathe amanyathelo ngakuMchunu.
Inkampani ethengisa imoto iJAC, nebithukwa ngokuthi cwaka kwayo malunga noMchunu, iziphendulele kwimbalelwano eyikhuphileyo isithi ithule kuba akusekhonto iyidibanisa noMchunu.
Ithe ubudlelwane bayo kwakunye noMchunu baphela ngo2023, imoto ayisebenzisayo ngoku uMchunu wazithengela ngokwakhe kwinkampani. Impendulo kaJAC iza emva kokuthukwa kwayo luluntu kumakhasi onxibelelwano.