Iindaba

Amanina eANC athi adanile ngamanyala enziwe nguTitshalakazi waseMonti

Abongile Ginya|Published

Amanina eANC eBCM adele imvula nengqele yangoLwesine ayokulwela amalungela abantu ababhinqileyo ezinkundleni eMonti ngethuba kuvela uTitshalakazi oshishina ngabantwana abangamantombazana.

Image: ABONGILE GINYA

Ephambi kwenkundla kamantyi eMonti, amanina eANC eBuffalo City avakalise ukudana kwanokuphoxeka sisityholo esibekwe utitshalakazi wesikolo iSinomonde Primary School eOrange Groove, eMonti, sokuthatha abantwana abangamantombazana abalalise namadoda kuba eza kufumana imali ngabo.

UZininzi Mtyingizane, onguSihlalo wombutho wamanina weANC nokwanguSihalo wengqokelela yamanina aseBCM, uthi isityholo sale nkosikazi esenzileyo sokuthengisa ngabantwana abangamantombazana ngezesondo kubenze badana kwaye baphoxeka kuba ulinina ebekufanele ukuba uliphiko lokubakhusela abantwana.

UMtyingizane ebethetha emini ngoLwesine ngethuba belinda ngaphandle kwenkundla yaseMonti apho le nkosikazi ivele khona malunga nezi zityholo ajongene nazo zokuxhwila kwanokushishina ngabantwana abangamantombazana ngezesondo.

UMtyingizane uthi abazukuthi cwaka nokuba ngumntu ongumama kuba kukho umntwana oyintombazana ohlukunyeziweyo.

“Okusidanisa nangakumbi kukuba ukwanguye nomsebenzi karhululumente ngaphezulu osebenza nabantwana apho thina siye sise abantwana bethu esikolweni ngethemba lokuba ootitshala ngabazali. Sisa abantwana kuba beza kukhuseleka sibe singazi kanti kukho izigebenga nabakhuthazi beGBV. Sinethemba lokuba iSebe lezeMfundo liza kusincedisa kule nyewe,” utshilo uMtyingizane.

La manina athi ayakrokrela ukuba aba bantwana bangamaxhoba athathwe kumakhaya angathathintweni kwaye kwathathwa nabadinga nemisebenzi.

Amaxhoba ebemane ethuthwa kwiidolophu eziphantsi kwendawo eyayifudula isaziwa njengeTranskei kuQumbu, Libode naseNgqeleni. Le ndlu ebisenzelwa kuwo la manyala kalo titshalakazi kuseQuigney, eMonti.

ISebe lezeMfundo eMpuma Koloni likhuphe ingxelo apho likhalimela kabukhali esi senzo senziwe ngulo titshalakazi.