Iindaba

Isibini siza kuvela enkundleni malunga neemoto ezibiweyo kuQumbu

Cwayita Nondula|Published

Isithuthi ekurhaneleka ukuba sibiwe esifunyenwe ngamapolisa.

Image: SAPS

Abarhanelwa ababini abangamadoda abafunyenwe neemoto ezirhanelwa ukuba zibiwe kuQumbu baza kuvela kwinkundla kamantyi kuQumbu ngoMvulo we20 kweyeDwarha 2025 nababekwe ityala lokuba neemoto ekurhaneleka ukuba zibiwe.

Oku kuza emva kwephulo lobuntlola eliqhutywe kuQumbu ngoLwesihlanu, umhla we17 kweyeDwarha 2025 liqela elizinze eMthatha leDistrict Task Team elakhokelela ekubanjweni kwesi sibini.

""Kwisiganeko sokuqala malunga nentsimbi yesine emva kwemini, ulwazi lukhokelele eli qela kwindawo ehlala umrhanelwa oneminyaka engama29 ubudala apho kwabonwa iNissan NP200 eyayineenombolo zobhaliso zeZN kwaye xa ijongwa, kwavela ukuba isithuthi sinenombolo yeCas yaseChattsworth yenyanga yoMsintsi 2025 kwaye umrhanelwa wabanjwa kwangoko," sitshilo isithethi samapolisa uKapteni Welile Matyolo.

Isithuthi ekurhaneleka ukuba sibiwe esifunyenwe ngamapolisa.

Image: SAPS

UMatyolo uqhube wathi kwesinye isiganeko sesibini malunga nomkhono emva kwentsimbi yesihlanu emva kwemini, kwabhaqwa enye imoto eyiVW Polo hatchback edolophini kwaye emva kokumiswa kwayo, yabonakalisa inombolo yeCas yasePhoenix yenyanga yoMqungu 2025 ze indoda eneminyaka engama46 yabanjwa kwalapho.

UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General Norman Modishana uncome bonke ababandakanyekayo kweli phulo. "Ngawo onke amalungu ethu azinikeleyo avela kumacandelo ahlukeneyo esebenzisana, siya kuphumelela idabi lokulwa ulwaphulomthetho."

Aba babini baza kuvela phambi kweNkundla kaMantyi kuQumbu ngoMvulo, umhla wama20 kweyeDwarha 2025 babekwe ityala lokuba neemoto ekurhaneleka ukuba zibiwe.