Abasetyhini bebonisa ubuchule babo bokuthunga uboya.
Image: Charmain Carrol
Iziko lobugcisa iBavulele Ntsikhwe Mbokazi libhengeze inkqubo yalo yokuqala yamagcisa iBavulele Art in Residency eqhutyelwa kwilali yaseNgqwara KwaBhaca apho amanina alola izakhono zawo zokuthunga uboya nokwenza iintsimbi.
Eli ziko lobugcisa lasekwa ngumfoti nombalisi wamabali, uCharmain Carrol, kwaye le yiprojekthi yentsebenziswano neNomonde Mafunda Foundation, kunye neMuholi Art Institute (MAI). Le projekthi ibonwa njengendlela yokuvuselela iilali zasemaphandleni ngokuwonga amagcisa amabhinqa.
UCarrol uthe ookhokho bakhe nomama wakhe ongusomashishini, uBavulele, baye bamkhuthaza. Waguqula ikhaya lakhe lobuntwana laba liziko elidlamkileyo lokuyila. "Ndifumana inkuthazo kumakhulu wam uMamBokazi, ichule lombumbi owenza iimbiza zodongwe, iimethi zengca, nezinto zesintu ukuxhasa usapho lwakhe," utshilo uCarrol.
Kuxakekiwe kuthungwa uboya.
Image: Charmain Carrol
Uqhube wathi, "Kunye nomama wam owandifundisa ukuba akukho nto ingenakwenzeka, waguqula amaphupha akhe abe yinyani, efaka imali ebhankini yonke imihla kwaye asandisa ishishini lakhe ngokuchasene nazo zonke iingxaki. Eli ziko lobugcisa yindlela yam yokuqhubela phambili elo lifa, ndingqina ukuba amanina asemaphandleni angaphumelela ngobugcisa kunye nokusungula izinto ezintsha."
Njengomthetheleli wabasetyhini nabantwana, uCarrol uqale le nkqubo ukukhanyisa isibane kumagcisa angamanina angaziwayo kwidolophu yakhe. Esebenza kumhlaba owawuthengwe ngumama wakhe, nokwayindawo awakhuliswa lusapho lwakhe nabaphumle kuwo, le nkqubo sele itsale abantu abaninzi abazinikeleyo.
"Inkqubo iqhutyelwa ekhaya, kumhlaba othe ngcu kwimbali yosapho. Aba basetyhini bayonwabela umzuzu ngamnye, besakha ubudlelwane, kwaye bevelisa izinto ezikumgangatho ophezulu ezinokutshintsha ubomi babo."
Amanina elali yaseNgcwara KwaBhaca ebonakalisa ubuchule babo.
Image: Charmain Carrol
Le nkqubo iqalwe ngeendibano zocweyo apho bekusenziwa iintsimbi kwaye iye yaqhubela phambili kwathungwa ngoboya, oku bekukhokelwa nguNomonde Mafunda, oza nobuchule bakhe bokufundisa nokunceda abantu basezilalini ukuba balole esi sakhono.
Njengomfoti oqeqeshiweyo, uCarrol ubona oku njengokwandiswa komsebenzi wakhe wokubalisa amabali. "Ngoku ndicelwa ngamanye amakhosikazi neenkosi zalapha ukuba ndizise le nkqubo ezilalini zabo. Iyandixhobisa ukuba ndikwazi ukumelana nayo nayiphi na imeko, kwaye ndifunda ubuchule kunye naye wonke umntu," utshilo.
Le nkqubo ayigcini nje ilifa lenkcubeko kodwa ikwaxhobisa abasetyhini ukuba babe ngoosomashishini.