UMzantsi Afrika ujongene nengxaki yokunqongophala kwamangcwaba.
Image: CFCS
UMzantsi Afrika uphelelwa ziindawo zokungcwaba abantu, kwaye iSouth African Funeral Parlor Association (SAFPA) imemelela ukuba urhulumente athathe amanyathelo akhawulezileyo, alungelelanisiweyo ukusombulula le ngxaki inkulu.
Ethetha ngale ngxaki, uMongameli weSAFPA kwaneNgqonyela yeIcebolethu Group, uNomfundo Mcoyi, uthe abanako ukulinda de zijikiswe iintsapho emangcwabeni. "Ukungcwatywa sisithethe esingcwele kuluntu oluninzi, kodwa kufuneka siqalise ukukhangela ezinye iindlela ezinesidima ezifana nokutshiswa kwemizimba kunye nokungcwatywa okulungele indalo ngelixa sisebenza kunye ukufumana izisombululo ezizinzileyo. Isidima sokuthi ndlela ntle kwethu kufuneka sigcinwe, nanjengoko iidolophu zethu zikhula," utshilo uMcoyi.
UMcoyi, echaza ngeendleko zamangcwaba abucala, uthe ngoku iziza zixabisa phakathi kweR10 000 ukuya kwiR15 000 ngengcwaba ngalinye, kunye nentlawulo yenyanga yeminyaka elishumi (ehlawulwe kwangaphambili).
Enye indlela yokungcwaba ebonwa njengeyonga iindleko neyonga indawo [yokungcwaba] kukutshiswa komzimba. Le ndlela ayidumanga kwiintsapho zabantsundu, njengoko iSAFPA isitsho, "umngcwabo awulosiko nje, sisenzo somoya nenkcubeko enzulu." Olu hlobo lokungcwaba aluqhelekanga kwabaninzi.
UNomfundo Mcoyi onguMongameli weSAFPA kwaneNgqonyela yeIcebolethu Group.
Image: Uthunyelwe
Ukuqubisana nale miba, iSAFPA ithi ikhuthaza ukuba kusetyenziswe iindlela ezahlukahlukeneyo eziquka ukusungula amaphulo okwazisa nokukhuthaza ukutshiswa kwemizimba njengendlela enesidima yokungcwaba, ukubongoza oomasipala ukuba bakhulule imihlaba engasetyenziswayo ukwenzela uphuhliso lwamangcwaba oluntu nawabucala. IIkwathi ukusebenzisana nemibutho yamalungelo oluntu ukuqinisekisa ukuba imingcwabo iphakamisa isidima senkcubeko nesomoya kunye nokukhuthaza ukuzama amangcwaba amileyo, iindonga zesikhumbuzo, kunye neendlela zokungcwaba ezilungele indalo.
"Imihlaba engasetyenziswayo inokuguqulwa ibe ziindawo ezingcwele. Kodwa sifuna intando yezopolitiko, incoko nabahlali, kunye nokutshintsha kwendlela yokugcinga. Ingxaki yamangcwaba ayiyondawo yokungcwaba kuphela, imalunga nendlela esibuhlonipha ngayo ubomi. Umyalezo weSAFPA ucacile: kufuneka sithathe amanyathelo ngoku ukugcina isidima sabangasekhoyo kunye namalungelo abo basaphilayo," uvale ngaloo mazwi uMcoyi.
Omnye umba omkhulu kukonakaliswa kwamangcwaba. Kwinyanga kaCanzibe walo nyaka, oonqevu baseGqeberha babe sematheni emva kweziganeko zokugrumba amangcwaba ukufikelela kwiintambo zezibane zasesitalatweni kumangcwaba asePapenkuil. Oku kongezelela kwiziganeko zokubiwa kwamatye amangcwaba ngootsotsi kwilizwe jikelele.