Umfanekiso othathwe kwividiyo yesiganeko esicaphukise uluntu apho inkwenkwe ibethwa ngabanye abafundi eMilnerton High School, eKapa.
Image: Screenshot/Facebook
NgoLwesine amakhwenkwe asibhozo ayanyaniswa nesehlo sokuxhaphaza kwisikolo samabanga aphakamileyo iMilnerton alindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kamantyi eKapa malunga netyala lokubetha umfundi kaGrade 10 nebonakale kwividiyo ethe yasasazwa kumakhasi onxibelelwano.
Amapolisa aqinisekise ukuba abarhanelwa abaphakathi kweminyaka elishumi elinesixhenxe (17) neshumi elinesibhozo (18) bajongene namatyala anobuzaza.
"Abarhanelwa abasibhozo abaphakathi kweminyaka eyi17 ne18 baza kuvela kwinkundla kamantyi yaseKapa namhlanje, ngezityholo zokubetha ngenjongo yokwenzakalisa umzimba," sitshilo isithethi samapolisa uSajini Wesley Twigg.
Oku kuza emva kokuvela kwevidiyo ephazamisayo kwiintsuku ezimbalwa ezidlulileyo ebonisa inkwenkwe eneminyaka eli16 ubudala ibethwa, iqhwatywa kwaye ithotywa isidima liqela labafundi, ekutyholwa ukuba ngabadlali beqela lombhoxo lesi siko iMilnerton High School.
Esi siganeko kuthiwa senzeke ngomhla we16 kweyeDwarha, emva nje kweeyure zesikolo, kumabala esikolo okanye kufutshane nawo.
Le vidiyo ivuselele umsindo kwilizwe liphela yaza yakhokelela ekubeni kugxekwe kabukhali indlela isikolo esisingathe ngayo esi siganeko.
Ukuphendula, iSebe lezeMfundo eNtshona Koloni liqinisekise ukuba abafundi abasibhozo banqunyanyisiwe kwaye balindeleke baye kwiinkqubo zoluleko, kwaye uloluleko ngokwasengqondweni lunikezelwe abo bachaphazelekayo.
Oku kudale isankxwe izolo ngethuba abazali bebambe uqhankqalazo ngaphandle kwesikolo samabanga aphakamileyo iMilnerton, betyhola esi sikolo ngokusilela ukukhusela abafundi nanjengoko kusithiwa asihoyi izikhalazo zangaphambili zokungcungcuthekiswa kwabafundi.
Abanye abazali babanga ukuba abantwana babo nabo bebengamaxhoba eziganeko zobundlobongela nezarekhodwa kwaye zasasazwa phakathi kwabafundi, kungekho manyathelo athathiweyo ngabasemagunyeni besikolo.