Utyando lokulungisa imilebe evulekileyo eMthatha lweOperation Smile kulindeleke ukuba lutshintshe ubomi babantwana nabantu abadala.
Image: Uthunyelwe
Iphulo iOperation Smile South Africa (OSSA) liza kubuyela eMthatha kule mpelaveki liyokwenza utyando kubantwana abangama25 ukuya kwama30 abazelwe benemilebe evulekileyo (cleft lip & clift palate) – iOSSA iza kusebenzisana neSebe lezeMpilo eMpuma Koloni.
Bangaphezu kwama40 abantu, ingakumbi abantwana abanemilebe evulekileyo, abaza kuhamba nabantu abadala besuka kwiphondo liphela nakwiindawo ezingqongileyo ukuze bavavanyelwe utyando liqela leengcali leOperation Smile lamavolontiya ezonyango. Malunga nama30 otyando lwemilebe evulekileyo ekulindeleke ukuba lwenziwe ngempelaveki (nge25 nange26 kweyeDwarha) kwisibhedlele iNelson Mandela Academic Hospital.
UMlawuli oPhetheyo weOSSA, uSarah Scarth, uthe bazimisele bekunye neSebe lezeMpilo eMpuma Koloni ekwenzeni ifuthe elibonakalayo kubomi babantwana nakubantu abadala abanemilebe evulekileyo engazange ilungiswe kweli leMpuma Koloni.
"Ngaphandle kokufikelela kwangoko kutyando, ukuba nemilebe evulekileyo yimeko enokuba nefuthe elibi kubomi bomntwana, ngokwasemzimbeni nasengqondweni kwaye ngaloo ndlela ibathintele ekufikeleleni kwisakhono sabo esipheleleyo ebomini. Olu tyando luguqula ubomi ngokwenene," utshilo uScarth.
UAthandwa oneminyaka emithathu ngomnye wabantu abathe bancedwa yiOperation Smile namahlakani ayo. Lo mntwana, noliwele, wazalwa enemilebe evulekileyo. Ufumene utyando ngoncedo lweOperation Smile kweyeDwarha ka2024 kwaye le nyanga uza kubuyela eMthatha nomama wakhe uKhunjulwa ukuze avavanyelwe utyando lwakhe lokulungisa imilebe kwakhona.
"UAthandwa uqhuba kakuhle kodwa xa ethelekiswa newele lakhe uyasokola ukubiza amagama aqatha, kodwa thina silusapho siyamva ukuba uthini. Ndiziva ndonwabile kwaye ndisikelelekile ngokubuyela eMthatha kutyando luka-Athandwa olulandelayo, kuba ndingathanda ukuba umntwana wam akhule afane nabanye," utshilo uKhunjulwa.
Ngokutsho kweOSSA, iSebe lezeMpilo eMpuma Koloni kunye neSebe likaZwelonke leeNkonzo zaMazinyo liza kuphumeza inkqubo ebanzi yempilo yomlomo ngaxeshanye neenkqubo zotyando eziza kubonelelwa yiOperation Smile.
Kuthiwa ngenkxaso evela kwiOperation Smile kunye nabaxhasi abaphambili abaliqela, ngaphezulu kwe50 yeengcali zempilo yamazinyo eziphuma kwiSebe lezeMpilo eMpuma Koloni nakwiSebe lezeMpilo likaZwelonke, baza kubonelela ngeenkonzo ezibalulekileyo zokhathalelo lwempilo yomlomo kubahlali baseMthatha abamalunga ne1500 ukusuka ngoLwesihlanu wama23 kweyeDwarha ukuya kwiCawa yomhla wama25 kweyeDwarha kwisibhedlele saseMthatha, iMthatha Regional Hospital.
UMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni, uNtandokazi Capa, uthe banethemba lokuba ezi nzame ziyakusebenza njengesikhokelo sexesha elizayo kwiinkqubo zokufikelela ebantwini kuMzantsi Afrika uphela. "Utyando olukhuselekileyo kunye nokhathalelo lwempilo yomlomo olululo zibalulekile kwimpilo yomntu.
"Eyona njongo yethu iphambili kweli phondo kukuqinisekisa ukuba abantwana abavuleke imilebe engaphezulu bafikelela kwangoko kutyando kunye nokhathalelo olubanzi lwemilebe evulekileyo, kwaye akukho mntwana uphoswa sisikolo, kwaye akukho mntu umdala uphoswa ngumsebenzi, ngenxa yeengxaki zempilo yomlomo. Sijolise ekuthinteleni nasekunyangeni, ngokugxininisa kakhulu kwimfundo yezempilo yomlomo,"utshilo.
Ukusukela ngo2006 iOperation Smile yenze utyando olungaphaya kwama500 kwilizwe lonke simahla ngoncedo lweqela eliquka amavolontiya ali160 eengcali zempilo.