Iindaba

Siza kuvakala kwiveki ezayo isigqibo sebheyile ngakwititshalakazi eneshishini lezesondo

Abongile Ginya|Published

Indlu eseQuigney yomtyholwa ekuqhubeka kuyo ushishino lwezesondo nedume ngokubizwa ukuba kuse 'Zingonyameni'.

Image: Abongile Ginya

Siza kuthatyathwa kuMvulo weveki ezayo isigqibo sesicelo sebheyile sotitshalakazi ojongene nezityholo zokuba neshishini lokuthengisa ngemizimba elingekho semthethweni kwanokurhwebesha abantwana abangamantombazana, abanye babo abaselula ngokweminyaka.

Abatshutshisi bagqibezele ingxoxo yesicelo sebheyile ngoLwesihlanu apho igwetha lomrhanelwa, uBhongo Mvinjelwa, ethe wabeka izizathu zaliqela ezokuba akhululwe ngebheyile uVuyokazi Gana.

UAdv. Mvinjelwa uthi umtyholwa uqale ngo2023 ukuyazi ukuba uphantsi kophando egqogqwa ngamaPolisa malunga neshishini lakhe kodwa zange abaleke kungoko kwezinye zezizathu athe makakhululwe kuba akazukubaleka. Ukwathe akanalo nepasi lokuya kumanye amazwe. Ezinye zezizathu ezikhankanyiweyo nezikwixwebhu lesicelo, yinxalabo ngempilo yakhe engentlanga.

Umtshutshisi wenkundla obephikisa isicelo uthe akaboni kulungile ukuba anikwe ibheyile umrhanelwa kuba amangqina awazukukhuseleka futhi noluntu ngaphandle lakuyibona inkundla njengebayekeleleyo.

UGana (52) ongusekela nqununu eSinomonde Primary, eOrange Groove, eMonti, akasenaye umyeni wasweleka washiyeka nabantwana bakhe abane nezindlu ezimbini – eseAmalinda naseQuigney.

Ubanjiwe kwiveki ephelileyo ngoLwesithathu ziiHawks zaseMpuma Koloni. Ngokwengxelo yeeHawks, uGana eberhwebesha amantombazana aselula kummandla owawusaziwa njengeTranskei. Eli shishini liseQuigney phezu kolwandle kwindlu eyaziwa ngokuba kuse ‘Zingonyameni’ luluntu.

Ubuyiselwe eziseleni elinde ukuva inkundla iza kuthini na ngesicelo sakhe sebheyile ngoMvulo umhla wama27 kweyeDwarha.