Ususiwe esikhundleni uNolubabalo Mcinga emva nokophula umthetho weAfrika Mayibuye Movement.
Image: Mayibuye
UNolubabalo Mcinga akaselilo isekela likamongameli lombutho wezopolitiko omtsha. Oku kwenzeke emva kokuba iAfrika Mayibuye Movement igqibe kwelokuba imsuse esikhundleni.
Ingxelo ekhutshwe namhlanje ithi uMcinga ushenxiswe esikhundleni ngenxa yokwaphula imithetho yombutho. Esona sizathu esibangele asuswe esikhundleni kukuba uMcinga ubambe intlanganiso noJacob Zuma oyinkokeli yoMkhonto Wesizwe Party engafumananga imvume kwiAfrika Mayibuye Movement.
Kanti phambi kwesigqibo esithathiweyo, bekuvakele ukuba kukho umlo ophakathi kukaFloyd Shivambu noMcinga. Nangona esusiwe esikhundleni esiphezulu, uMcinga uselilungu leAfrika Mayibuye Movement.
Kunyaka ophelileyo, uShivamvu noMcinga bashiya iEconomic Freedom Fighters baya kwiMKP. Khange bahlale ixesha elide kuyo phambi kokuseka umbutho omtsha, iAfrika Mayibuye Movement. Esinye isityholo esibekwe kuMcinga sithi ebethetha namalungu athile enenjongo zokuseeka umbutho omtsha.