INjengele yamaPolisa, uThandiswa Kupiso, iqinisekise ukuba abantu baseMpuma Koloni baza kukhusleka kwiiholide zokuphela konyaka.
Image: SAPS
Injengele yamaPolisa ebambeleyo eMpuma Koloni, uThandiswa Kupiso, ithembisa kokufunqulwa kwephulo lokulwa ulwaphulomthetho njengokuba kusondela iintsuku zokuphela konyaka.
UKupiso ukuthethe oku ngoLwesihlanu weveki ephelileyo eGqeberha - apho ondlale khona isicwangciso esicacileyo samaPolisa aza kucangcatha kuso xa equbisana nezaphulimthetho eMpuma Koloni.
Okuthe kwaqapheleka kulo nyaka kukuba amaPolisa adityaniswe namajoni ukuze kuqiniswe ukhuseleko labantu kwiindawo ngeendawo. IMpuma Koloni yenye yeendawo ezinamanani aphezulu kwicala lolwaphulomthetho.
Xa kuphithizela kuye kuthande ukuqatsela uxhonyiswa kweemoto zemali, ukuhanjiswa kweziyobisi, ubusela beemoto, ukudlwengulwa koomama nabantwana nokubiwa kwemfuyo phakathi kwezinye izinto.
Amabutho akhethekileyo amaPolisa namajoni abonise ubuchule aza kubusebenzisa kwindibano ebiseGqeberha eyenye yeendawo eziphala phambili kulwaphulomthetho kwiphondo leMpuma Koloni.
Umsebenzi wamaPolisa uqiniswe kukufika kweeveni ezilikhulu elinamashumi amabini anethoba (129) ezichakwe kwizithili ezisibhozo zeMpuma Koloni. "Isicwangciso sethu sibandakanye onke amasebe kwicandelo lezokhuseleko. Sizimisele ukuqinisa isandla ngoba sifuna ukuthoba izinga lolwaphulomthetho," utshilo uNjengele Kupiso.
"Siza kuqinisa ukhuseleko emideni yephondo, ezindleleni, kwiindawo zokhenketho nakwezoshishino ngokubambisana namanye amaqumrhu. Ukubonakala kwamaPolisa kuza kunyuka kule sizini futhi noluntu siza kusebenzisana nalo," itshilo inkokeli yamaPolisa.
URhulumente wephondo ukwamkele ngovuyo ukufika kweemoto ezintsha kwinkonzo yesipolisa. "Injongo yethu kukuqinisekisa ukuba wonke umntu uziva ekhuselekile.
"Ukuchakwa kweemoto ezintsha kuza kuncedisa amaPolisa xa esilwa ulwaphulomthetho oluye luthande ukunyuka xa kuphela unyaka," utshilo uMnu. Lubabalo Mabuyane kwingxelo ebhaliweyo.
Iimoto zohlulwe ngookomasipala ngolu hlobo: Alfred Nzo District (10), Amathole District (18), Buffalo City Metro (19), Chris Hani District (15), Joe Gqabi District (9), Nelson Mandela Metro (28), O.R. Tambo District (15), Sarah Baartman District (15) zaze zambini kwandlunkulu wamapolisa.