Iindaba

Inkundla isikhabile kwakhona isicelo sebheyile sotitshalakazi oneshishini lezesondo!

Abongile Ginya|Published

Indlu eseQuigney yomtyholwa ekuqhubeka kuyo ushishino lwezesondo nedume ngokubizwa ukuba kuse 'Zingonyameni'.

Image: Abongile Ginya

Uza kuchitha inyanga engaphakathi eziseleni uSekela Nqununu waseSinomonde Primary. Umantyi emva kokuba ethe wafunda uxwebhu lwesicelo sebheyile somtyholwa, uVuyokazi Gana, wafunda nesomcuphi wetyala, nathe waveze ukuba akukho nto ebangela ukuba umtyholwa makakhutshwe ngaphandle ngebheyile.

UGana 52, uvele ngoMvulo kwakhona phambi koMantyi waseMonti malunga namatyala ajongene nawo, afana nokuqhuba ishishini lokuthengisa ngomzimba elingekho semthethweni kwanokurhwebesha amantombazana kwezesondo amanye kuwo aselula ngokweminyaka.

Kwezinye zezizathu eziliqela ezikhankanywe ngumantyi, kukuba uGana anagaphazamisana nophando ngaphandle xa enokukhululwa nanjengoko umcuphi naye ebekuvezile oko kwisithintelo sakhe sokuba anganikwa bheyile uGana. Esinye uthi akukho bungqina bubonakalisayo ukuba imeko yakhe yempilo ayilawuleki.

Isithethi seeHawks eMpuma Koloni, uNdimphiwe Mhlakuvana, nobesenkundleni uthi, bachulumancile sisigqibo esithathwe yinkundla sokungamniki ibheyile uGana ngenxa yobungqina ababubeke phambi kwenkundla bezathuza ekubeni anganikwa bheyile uGana.

“Siyabulela izizathu zethu zithathelwe ingqalelo yinkundla. Siza kuqhubekeka ke nophando nanjengoko nenkundla itshilo [ukuba] ityala limiselwa uphando,” utshilo uMhlakuvana.

Umbutho iSisonke ubungaphandle kwenkundla ukuxhasa amaxhoba.

Image: Abongile

Abombutho weSisonke Sex Worker Movement eBCM nawo uzivuyele iindaba zokunganikwa beyile le nkosikazi. Bathi le nkosikazi inyhashe amalungelo amanina nanjengoko kungekho namnye umntu ekufanele ukuba unyanzelwa ngesondo.

Othethe neeNtatheli ngaphandle kwenkundla, okulo msebenzi naye uthe: “Asihambisani nakanye ngokwenziwa yile nkosikazi. Siyakuvuyela ukunganikwa kwakhe ibheyile. Kuthi ukuthengisa ngomzimba ngumsebenzi kuba sibeka ukutya etafileni akukho mnandi xa kukho umntu odlala ngayo.”

UGana oshiyeke ngaphakathi eziseleni uza kubuyela ngomhla wama28 kwinyanga ezayo kweyeNkanga.