Uza kuvele enkundleni ngoLwesibini umfundi ohlabe omnye wabhubha eGqeberha.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Kulindeleke ukuba avele phambi koMantyi eGqeberha ngoLwesibini umfundi (26) ojongene netyala lokubulala emva kokuba ethe wahlaba wabulala omnye (24) emva kwengxwabangxwaba ebiphakathi kwabo ekuzeni kusa namhlanje ngoMvulo.
Ngokwengxelo kaCaptain Sandra Janse van Rensburg ithi, pha ngezithuba zentsimbi yesine ekuseni umrhanelwa nexhoba baxabene ngaphakathi kwindawo yokuhlala abafundi eseStrand, eCentral.
Ingxelo iqhuba ithi abanye abafundi bazamile ukunqanda lo mlo nabanye balithatha ixhoba elonzakeleyo balisa egumbini lalo. Ixhoba liye labhaqwa ebhedini yalo lingasaphefumli, kwabizwa abohlangulo olukhawulezileyo nabanye balichaza njengelibhubhileyo.
Umrhanelwa uthathwe ngabecuphi baseHumewood kwaye uza kuvela kusasa ngoLwesini – ubekwe ityala lokubulala.
Ixhoba alichazwanga nanjengoko kusekutsha kwaye izihlobo zingekaziswa zonke.