Abazala uTshiamo Moramaga, 22, kunye noBaleseng Moramaga, 21, abadutyulwe babhubha eMamelodi East.
Image: Facebook
Amapolisa aseGauteng aqinisekise ukubanjwa kwendoda (38) namhlanje, ngoMvulo, umhla wama27 kweyeDwarha 2025 malunga namatyala amabini okubulala nokuzama ukubulala enzeke eMamelodi East Extension 17 ngeCawe, umhla wama26 kweyeDwarha 2025.
Isithethi samapolisa aseGauteng, uKapteni Tintswalo Sibeko, uthi uphando lwamapolisa ludize ukuba ixhoba lesithathu eladutyulwa ngethuba lesi siganeko lifumana unyango esibhedlele.
"Ngokusebenzisa olu lwazi, igqiza elihlangeneyo eliquka abacuphi bephondo laseGauteng leSerious and Violence Crime, iProvincial Crime Intelligence, kunye nabacuphi baseMamelodi East babambe umrhanelwa kwisikhululo samafutha ePitoli," utshilo uSibeko.
Oku kuza emva kokuba abazala, uBaleseng Moramaga (21) kunye noTshiamo Moramaga (22) befunyenwe benamanxeba okudutyulwa entloko ngentsasa yangeCawe.
Iingxelo zithi la magqiyazana eberenta igumbi apho ebehlala kulo kunye.
Ngokwengxelo ebhalwe yi-IOL, umama womnye wamagqiyazana amabini afunyenwe edutyulwe uvakalise intlungu yakhe, esithi akanakunqwenela intlungu ayivayo nakwelona tshaba lwakhe.
UItumeleng Moramaga (41) uqinisekise kwi-IOL News ukuba intombi yakhe, uTshiamo Moramaga (22), kunye nentombi kadadewabo, uBaleseng Moramaga (21), ngamaxhoba.
UItumeleng, nothe ebekwakhe eTembisa, uxelelwe ngesi sihelegu ngudade wabo omdala, umama kaBaleseng.
"Usisi wam omdala wandifowunela ekuseni endixelela ngesi siganeko, ukuba mandileqe khona. Ndabuza ukuba kwenzeke ntoni, wasuka wathi abantwana benzakele. Ndothuka kuba intombi yam yayisandula ukundindwendwela," utshilo.
"Ngethuba ndifika apho, ndafumanisa ukuba babhubhile, yaye sele bengaphakathi kwimoto kaforenziki. Ndiye ndacela ukubabona, ndithe xa ndibabona, ndabona ukuba ngabo nyani – badutyuliwe," utshilo entywizisa.
I-IOL News iqhube yathi lo mama unxungupheleyo uthe kusenzima ukujongana nokusweleka komntwana wakhe. "Ndibuhlungu kakhulu. Ndibuhlungu kuba ibikuphela kwentombi endandinayo. Ngoku ndishiyeke noonyana ababini. Andazi ukuba kwenzeke ntoni, okanye yintoni ebinokubakhokelele ekubeni babulawe ngokungenalusini ngolu hlobo, ngakumbi ngelixa bebekunye," utshilo iinyembezi zisehla ebusweni bakhe.
Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kamantyi yaseMamelodi ngoLwesithathu umhla wama29 kweyeDwarha 2025.