Abarhanelwa abathathu abaphakathi kweminyaka engama21 ukuya kuma36 ubudala abafunyenwe benemipu engenampepha kunye neenombolo ezicinyiweyo [zale mipu] baza kuvela phambi kwenkundla kamantyi yaseBityi namhlanje.
Ukubanjwa kwaba barhanelwa kulandela iphulo lobuntlola eliqhutywe liqela laseMthatha iOR Tambo District Task Team ngoMvulo, umhla wama27 kweyeDwarha 2025 kummandla waseBityi nelikhokelele ekufumaneni imipu emithathu engenampepha-mvume yohlobo lwe9mm, zonke zinenombolo ezicinyiweyo.
Isithethi samapolisa, uKapteni Welile Matyolo, uthi umrhanelwa wokuqala oneminyaka engama21 ubanjwe ngecala emva kwentsimbi yesibini ekuseni eNtilini, eMthentu A/A nalapho kuye kwafunyanwa umpu we9mm Beretta oneembumbulu.
UMatyolo uthi eli qela liqhubele phambili laya kwingingqi yaseMabheleni laza lafumana i9mm Star Pistol engenampepha ineembumbulu kumrhanelwa oneminyaka engama32 ubudala.
"Eli qela libambe umrhanelwa wokugqibela oneminyaka engama36 kwalapha kwingingqi yaseMabheleni, nofunyenwe nompu we9mm Girsan oneembumbulu. Bobathathu abarhanelwa babengenazo iimpepha ezisemthethweni zokuba nale mipu," utshilo uMatyolo.
UMkomishinala obambeleyo weSithili saseOR Tambo, uBrigadier Vukile Ntuli, uncome amalungu ngomsebenzi wawo omhle nokususa imipu engagunyaziswanga nengavumelekanga kwizitalato nakwiilali zeSithili saseOR Tambo.
Aba bathathu baseBityi kulindeleke ukuba bavele phambi kwenkundla kamantyi yaseBityi ngoLwesibini, umhla wama28 kweyeDwarha 2025 bejongene namatyala abo.