UQhawekazi Mazaleni esabelana ngovuyo lwakhe nabantu kumakhasi onxibelelwano emva kokuphumelela uMiss South Africa 2025.
Image: Screenshot/TikTok
"Ukuba ndithetha inyani, kuvakala ngathi ndiphumelele iNdebe yeHlabathi," la ngamazwi kaQhawekazi Mazaleni, 24, osandul’ ukuthweswa isithsaba sikaMiss South Africa, ebalisa ngochulumanco lwakhe.
UQhawe uthweswe isithsaba sikaMiss South Africa 2025 kukhuphiswano loonobuhle obelubanjwe ngoMgqibelo umhla wama25 kweyeDwarha 2025, eSunBet Arena ePitoli. Ungena ezihlangwini zikaMia le Roux owayephumelele kunyaka ophelileyo.
Ethetha ngokuphumelela kwakhe, uQhawe obenemincili uxelele abalandeli bakhe kumakhasi onxibelelwano ukuba ukuphumelela kuyamchulumancisa kuba olu luhambo aluhambileyo nabantu bakhe abaninzi.
"Intliziyo yam igcwele ngokumangalisayo... Ndingena [kolu hambo] ndiligqiyazana elahlukileyo kwaphela kodwa ndisaphethe ubumna kulo. Ibiluhambo oluguquguqukayo kakhulu kodwa eyona nto indigcine ndizinzile yinjongo yam.
UQhawekazi Mazaleni nguMiss South Africa 2025.
Image: Miss South Africa/X
"Ndinethamsanqa kwaye ndisikelelekile ukuba ndikwazi ukuhamba nani olu hambo. Ndifuna nibone ukuba kuthetha ukuthini ukuba nguMiss South Africa, le yinkqubo entle kakhulu, kodwa ndifuna nibone uhlobo lwesibindi esifunekayo, iingcinga kunye nengqondo efunekayo. Ngamanye amaxesha kufuneka uzimisele uthembele kuwe ukuze ukwazi ukuthatha inyathelo ukuya phambili de ube uhleli kumaqonga anje. Ndinombulelo ongazenzisiyo, ndiyanithanda – kwaye ndiyabona ukuba niyandithanda," utshilo ethetha kwividiyo.
Le ndedeba yaseGonubie, eMonti, nehlala eSundowner, Randburg ngoku ngenxa yempangelo, yingcali yokunyanga intetho (speech therapist) nombhali ozimisele ukunceda abantwana bafunde ukufunda nokubala ngeelwimi zabo. Ukwanayo nencwadi yabantwana ebhalwe ngesiXhosa esihloko sithi, Amasele Amdaka. Unesidanga seSpeech, Language and Hearing Therapy kwiYunivesithi yaseStellenbosch kwaye ngoku wenza isidanga sakhe seMaster of Arts in Speech-Language Pathology kwiYunivesithi yasePitoli apho agxile kwiAutism.
Ulandela ekhondweni likadade wabo omdala, uHombakazi Mazaleni, kukhuphiswano lukaMiss South Africa nanjengoko uHombakazi wafikelela kwiTop 5 ngonyaka ka2023.
Urhulumente wephondo leMpuma Koloni ubeyinxalenye yabantu abaqhwabele izandla le ntwazana.
Njengomntu ophumelele uMiss South Africa, uQhawe uza kufumana izipho ezixabisa imali engaphaya kwezigidi ezithathu zeerandi (R3 million), eziquka ibhaso lemali ekwisigidi seerandi (R1 million), iMercedes-Benz GLC Coupé, kunye kunye nendlu ekumgangatho ophezulu enamagumbi okulala amathathu ngexesha enguMiss South Africa.