Iindaba

Ubhubhile unoteksi waseNgqamakhwe ohlaselwe nogxa wakhe besemotweni

Abongile Ginya|Published

Kudutyulwe kwabulawa unoteksi nogxa wakhe eNgqamakhwe.

Image: Ayanda Ndamane/Independent Newspapers

Mabini amadoda adutyulwe abhubha edutyulwa ngabantu abangaziwayo ngoMvulo ngethuba ehamba ngemoto eluhlobo lwebhaki yakwaToyota kwilali yakwaJekezi, eXilinxa, eNgqamakhwe.

Esi sehlo senzeke emini emva kwentsimbi yesibini apho owayesakuba nguSihlalo weUncedo Taxi Association kummandla waseNgqamakhwe, uSikhulile Mthotywa (42) nogxa wakhe, uOdwa Mbilini (37), bedutyulwe besemotweni yimoto ethe gqi phambi kwabo ngokokutsho kosondeleyo noncokole neli phephandaba I’solezwe lesiXhosa.

Ngokwengxelo yamaPolisa aseMpuma Koloni, imoto yamaxhoba ifunyenwe inemingxunya emininzi yeembumbulu. Kwisitulo esisecaleni komqhubi kufunyenwe umzimba welinye ixhoba unamanxeba okudutyulwa kumantla omzimba wakhe.

Owesibini umzimba nongowomqhubi ufunyenwe uthe natya kude kufuphi nemoto wabe nawo unamanxeba uphantsi endleleni.

UWarrant Officer Majola Nkohli uthi ngokophando lwabo kuvakala ukuba amaxhoba la adutyulwe ngabarhanelwa ebebehamba ngemoto emhlophe iSuzuki SUV. 

Kwaye uphando luyaqhubekeka.

UWarrant Officer Nkohli uthi akukabikho mntu ubanjiweyo okwangoku malunga neli tyala. Abajongene nophando babongoza intsebenziswano kuye nabani na onokuba nolwazi asebenzisane namaPolisa ukuze babanjwe abenzi bobubi. Lowo unolwazi angatsalela le nombolo 071 475 2292 okanye 08600 10111.