UGqirha Mthembeni Tebelele ebeyinxalenye yenkqubo yocweyo ekuxhotyiswe kuyo iingcibi namakhankatha phambi kokuqala kwesizini yolwaluko.
Image: Cogta Department
Owaziwa kakhulu kwicandelo lezempilo, uGqirha Mthembeni Tebelele, ulumkise abantu baseMpuma Koloni ngobungozi bokwalusa amakhwenkwe aselula ngokweminyaka.
UTebelele ebesisithethi esiphambili kwindabo yeeNkosi, iingcibi namakhankatha ebikwiveki edlulileyo eMaxesibeni - apho kushukuxwe imiba yolwaluko njengokuba kusondela ixesha lolwaluko.
Isebe lakwaCogta eMpuma Koloni liququzelele iintlanganiso kwiindawo eziphantsi kwesithili iO.R.Tambo kwiveki ephelileyo ngelizama ukulwa ukubhubha kwabakhwetha okuxakileyo.
Unyaka nonyaka, iMpuma Koloni ilahlekelwa ngamadodana asakhulayo ngenxa yokungaphathwa kakuhle nenkohlakalo ethi yenziwe kubo (abakhwetha) ngabantu abanikwe uxanduva lokubenza amadoda.
Phakathi kweengxaki ezithi zenzeke kukuvinjwa kwabakhwetha amanzi, ukuphathwa kakubi okuquka ukubethwa, ungakutyiswa kakuhle nokungohoywa kweyona ngxaki yasebhomeni.
URhulumente uchithe izigidi zeerandi kumaphulo ohlukeneyo eMpuma Koloni - kodwa inani lamadodana abhubhayo naphulukana namalungu obudoda asephezulu futhi kusekho abantu abophula umthetho.
"Njengomntu owenza ingxolo ngomba wempilo yamadoda, ndivuyile xa ndimenywa nguRhulumente," uyivule ngaloo mazwi intetho yakhe. "Sizokucebisa iingcibi namakhankatha apha ngoba sinabantu abaphulukana neempempe, aboluka bebancinane nabaswelekayo kulo mcimbi wolwaluko," utshilo uTebelele odume kwinkqubo yempilo yoMhlobo Wenene FM.
"Xa kuthiwa mabaye bephila baphinde babuye bephila awukwazi ukubabekela ecaleni abantu bempilo. Into enempempe nempilo yamadoda ndithanda ukuyivelela kwiinkalo zonke ngoba ukuba sihleli phantsi ngeke kubekhona isisombululo. Ndifuna ukukhuthaza abantu ngelithi mabangolusi abantwana bebancinane.
"Sizokukhuza into yokoluswa kwabantwana beneminyaka elishumi elinesithathu neshumi elinesine. Sizixhobisile iingcibi ngoba asifuni ukubeka ubomi babantwana emngciphekweni. Kukho abantwana abachama ngemibhobho ngoku, asikwazi ukunyamezela singoogqirha ngoba baziswa kuthi sekukubi.
"Yiyo lo nto ndikuqhwabela izandla ukubizwa kwethu nguRhulumente," utshilo uTebelele.
Baliqela abakhwetha ababhubhileyo kulwaluko phakathi kulo nyaka. Umthetho uthi inkwenkwe mayidibanise ishumi elinesibhozo leminyaka ukuze yaluke kwaye kufuneka ihlolwe ngugqirha.