USekela Mongameli weANC uPaul Mashatile ubongoza amalungu ukuba alungise iimpazamo zangaphambili kwaye abuyisele ukuthembeka kweANC phambi konyulo luka2026.
Image: GCIS
USekela Mongameli weANC, uPaul Mashatile, uthi umbutho omkhulu kufuneka ujongane neempazamo zawo kwaye ugxininise ngokukhawuleza kwiinzame zawo zokuphucula impilo yabantu baseMzantsi Afrika njengoko ilizwe lisingise kunyulo loorhulumente basekhaya ngo2026.
Ethetha kwisikhumbuzo sikaO.R.Tambo, eKurhuleni, ngoMvulo wale veki, uMashatile uthe iANC norhulumente emkhokelayo namanqanaba onke – kuzwelonke, kumaphondo nasekuhlaleni – abenzi ngokwaneleyo ukuzisa utshintsho olubonakalayo kubemi baseMzantsi Afrika.
Ugxininise ngelithi iANC kufuneka iphendule kwaye isebenzele ukulungisa iziphene zayo. "Ingxaki yethu maqabane kukuba siyiAfrican National Congress asenzanga ngokwaneleyo ukuphucula ubomi babantu boMzantsi Afrika. Kufuneka sithathe uxanduva lwale nto," utshilo.
"Kodwa okona kubaluleke kakhulu, kufuneka sicwangcise indlela esinokuzilungisa ngayo iimpazamo kwaye siguqule izinto zibe ngcono."
UMashatile uyibethelele into yokuba kujongwe ngaphakathi embuthweni ngelithi iANC ingaphinda yakhe xa ivuma ukusilela kwayo. "Kubaluleke kakhulu ukuba sijonge apho kukho iimpazamo nalapho izinto zonakeleyo sizilungise," utshilo.
"Kuba kuxa sivuma ukuba kubekho imingeni neempazamo ukuze sikwazi ukuzilungisa. Ukuba asenzi njalo, asobe sikwazi ukulungisa [izinto]."
Uthe umbutho kufuneka unyaniseke apho wohluleke khona ekuthumeni iinkokeli nabameli boluntu.
"Kufuneka sihlolisise kwaye sithi, apha khange ihambe kakuhle, sibeke uCeba ongalunganga, asizange sibeke uCeba ofanelekileyo, okanye mhlawumbi asibekanga uSodolophu okanye uMphathiswa ofanelekileyo. Emva koko sizilungise ezo zinto. Yiloo nto ekufuneka siyenze. Abantu bethu balindele oko kuthi."
UMashatile umemelele iANC ukuba ixelise igqala lomzabalazo uOliver Tambo ngelithi lo wayesakuba nguMongameli weANC wayesoloko ewukhuthaza umbutho ukuba ulungise iimpazamo futhi uzihlaziye.
"iANC kaOliver Tambo yancama okuninzi yasilwela sonke," utshilo.
"Ukuze namhlanje siyonwabele into yokuba sithathwa njengenkokeli yoluntu ngenxa yomsebenzi wabo. Umcelimngeni wethu kukugcina impumelelo yokuba yinkokeli yoluntu. Kufuneka sisigcine eso sikhundla singaphulukani naso."
Eqinisekisa ukuzibophelela kombutho kwiprojekthi yawo yokuhlaziya kunye nokwakhiwa ngokutsha, uMashatile uthe uhlaziyo luthetha ukujongana nezenzo ezigwenxa kunye nokuqinisekisa ukuba amalungu amatsha asekelwe ngokufanelekileyo kwiinqobo zeANC.
"Ukuba sithetha ngohlaziyo, ndiyayazi ukuba abantu abaninzi banokucinga ngezinto ezahlukeneyo. Akuyongxaki oko. Kodwa ukuhlaziya kukulungisa izinto kunye nokufundisa," utshilo.
"Baninzi abantu abeza kwiANC bengayazi, kodwa bayayithanda. Ukuba asibafundisi, baza kwenza izinto ezigwenxa."
Wongeze ngelithi ukwakhiwa ngokutsha nokuhlaziya kufuna imfundo eqhubekayo kunye noqeqesho lwezopolitiko ngaphakathi kumbutho.
"Inkqubo yohlaziyo kunye nokwakha ngokutsha iquka ukufundisa abo beza ngeendlela zeANC, okanye ndingathi, iindlela ezichanekileyo zeANC. Ukuba asiyenzi loo nto, siya kusilela ukwakha kwakhona," utshilo uMashatile.
''Ngoko ke inkqubo yohlaziyo kunye nokwakhiwa ngokutsha ibandakanya ukufundisa abo beza ngeendlela zeANC. Ngoko ke kubalulekile ukuba siqhubeleke sakhe kwaye sihlaziye ukuze iANC yomelele.''