Iindaba

Uncumo kowasetyhini okhubazekileyo owakhelwe ikhaya elitsha nguMbhashe

Abongile Ginya|Published

UNomasibulele Qhwalane enikezwa ngokusesikweni ikhaya lakhe elitsha nguSodolophu waseMbhashe uSamkelo Janda, ekunye noSomlomo uBabalwa Majavu kwakunye nelungu leMBF.

Image: Mbhashe Local Muncipality

Akawuvali umlomo luncumo uNomasibulele Qhwalane waseQadini eXhorha, emva  kokuba uMasipala woMbhashe kwakunye neMbhashe Business Forum (MBF) bethe babambisana bokhela le ntwazana ikhaya elitsha.

UQhwalane (29), nongazalwanga ekhubazekile, ngethuba enikwa iqonga lokubulela, uqale ngokubalisela inginginya ibizokuvuyisana naye ngemeko awazibona sele ejongene nayo eyokuxhomekeka ngokuhamba ngesitulo esinamavili.

Uqhubekeke wachaza nendlela elize ngalo icebo lokuba ade abe ufumana eli khaya namhlanje. Ubulele bonke ababenegalelo ukuze ibeyimpumelelo into yakhe yokuba nekhaya. Ubulele iMBF kwakunye noMbhashe esithi oku kumbuyisele nethemba ngakwikamva lakhe.

USihlalo weMBF, uThandi Sonqwelo, ubulele kulo Masipala ngenkxaso athe gqolo ukubanika. USonqwelo ukwancome nentsebenziswano eluqilima phakathi kwabo noMbhashe.

USodolophu woMasipala waseMbhashe, uSamkelo Janda, nobeyinxalenye yotyelelo kweli khaya, unikezele uQhwalane ngokusesikweni eli khaya lakhe. UJanda ukwabulele iMBF ngokubuyisela isidima kusapho lakwaQhwalane.

Ikhaya elitsha lakwaQhwalane.

Image: Mbhashe Local Municipality