Iziyobisi eziphuma ngaphandle kwelizwe eziluhlobo lwecocaine ezixabisa izigidi ezingamashumi amabini zeerandi (R20 million) zifunyenwe kwindawo eseMidrand, eGauteng ngamapolisa kwaye bezisingise eKapa.
Ngokwesithethi samapolisa kuzwelonke, uBrigadier Athlenda Mathe, ngorhatya lwangoLwesibini, umhla wama28 kweyeDwarha 2025, igqiza elikhokelwa ngundlunkulu wezobuntlola bolwaphulomthetho elibandakanya icandelo lolwaphulomthetho olucwangcisiweyo eGauteng, iSAPS JHB K9 kunye namalungu eLocal Criminal Record Centre (LCRC) bebelandela ulwazi ngeziyobisi ebezigcinwe kwindawo eseBlue Hills, eMidrand.
"Ngokophando oluthe kratya, ezi ziyobisi zaziswa eMzantsi Afrika zisuka kwilizwe elisebumelwaneni kwaye zazisingise eKapa, eNtshona Koloni" utshilo uMathe.
Kuthiwa le cocaine ifunyenwe ifihlwe kwigumbi lokugcina impahla kwindawo echongiweyo.
Indoda enamashumi amahlanu anesithandathu (56) ubudala ekukholeleka ukuba ingumnini wale ndawo ibanjiwe kwaze kwathinjwa icocaine enobunzima obumalunga namashumi asibhozo eekhilogram (80kg).
Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kamantyi yaseMidrand ekupheleni kwale veki, ngetyala lokufunyanwa neziyobisi kwakunye nokuthengisa iziyobisi.