IRuta Sechaba Foundation iqaqambisa indlela ukutyala imali kwimfundo esemgangathweni kubafundi abahlelelekileyo kudala ifuthe elihlala lihleli eluntwini.
Image: iStock
Njengoko uMzantsi Afrika ulungiselela ukuqwalasela uSuku lwaBantwana ngomhla wokuqala kweyeNkanga, umbuzo ekufuneka ubuzwe ngabalawuli, abaqulunqi bomgaqonkqubo, kunye neentsapho ngulo: sityala njani kwisakhono sabantwana bethu? KwiRuta Sechaba Foundation, impendulo iye yacaca ngakumbi.
"Imfundo esemgangathweni kubafundi abahlelelekileyo asiyondleko, lolona tyalomali luhlakaniphileyo olunokwenziwa sisizwe," utshilo uNatasha Mkhize, osebenza kwisigqeba sobudlelwane beqhinga (Executive: Strategic Relations) eRuta Sechaba Foundation.
"Ukuxhasa abona bafundi baqaqambileyo abaphuma kumakhaya ahlelelekileyo kwenza okungakumbi kunokutshintsha ubomi bomntu ngamnye – kuvelisa impembelelo encomekayo eyomeleza iintsapho, uluntu kunye nekamva loqoqosho lwelizwe."
Uphononongo lwefuthe lwamva nje lweFoundation, olugubungela u2020 ukuya ku2024, lulandelela abafundi abangama2752 kwaye luqaqambisa inguqu ebalulekileyo kwizifundo. KwisiNgesi, i86% yabafundi ifumene amanqaku angaphezu kwe65% ngo2024, isuka ku77.8% ngo2020.4
Kwizifundo zobalo – nezilisango elibalulekileyo kumakhondo eSTEM – i66.5% iqabele ngaphaya kwe65%, xa kuthelekiswa ne61.5% ekuqaleni kwexesha lokufunda. Iziphumo zikaGrade 12 zibonisa ukuba i71.5% iphumelele umyinge ongaphezu kwe65%, kunye ne94% yabafundi abaphumelele bavumeleka ukufunda eyunivesithi. "Ezi ayizonkcukacha manani nje," wongeze watsho uMkhize. "Zimele iikamva ezivulekileyo kunye namathuba adaliwe."
Okumangalisa ngokulinganayo yimpembelelo yengqondo. Abafundi abavavanyiweyo baqaqambise indima yoncedo lwemali ukuqhubela phambili nezifundo (scholarship) ekwakheni ukuzithemba kunye namabhongo. "Ukukhethwa kwabo kungqine ukubaluleka kwabo ngamaxesha anzima.
"Kwabanika imvume yokunqwenela ngakumbi kwaye bakholelwa ukuba bafanelwe zizithuba ezigqwesileyo," ucacise watsho uMkhize. Iinkcukacha zabahamba iskolo ziyayixhasa le nguqu, umyinge wabangasihambi iskolo usahleli ngaphantsi kweentsuku ezilishumi ngonyaka nangona bekukho ukuphazamiseka ngenxa yobhubhane, nto leyo ebonisa ukuzibophelela kwabafundi nokomelela kwabo.
Iinzuzo zidlulela ngaphaya kwezifundo. Kuphando olwenziwa kusetyenziswa abafundi abagqibileyo, i67% yabo ifunda kumaziko emfundo ephakamileyo, i37% yabo iphumelele emagqabini yaze enye i31% yaphumelela ngaphezu komyinge.
Okubalulekileyo, abafumana inkxasomali yokufunda babuyisela kuluntu lwabo, bafundisa abafundi abancinci, basebenza ngokuzithandela kumakhaya eenkedama, baqeqesha amaqela ezemidlalo, kunye nokucebisa isizukulwana esilandelayo. "Xa utyala imali kumfundi omnye ophum’ izandla, udala impembelelo yenguqu kuluntu," utshilo uMkhize.
Imodeli yeFoundation nayo isebenza kakuhle kakhulu. Iindleko zomfundi ngamnye zehlile, ngelixa ukufikelela kunye neempembelelo zandile. Abaxhasi bemali abangamashishini kunye neenkokeli zecandelo lezemfundo ziyaxhamla kutyalomali olubambekayo, nolunembuyekezo ephezulu ngabasebenzi abeza nezakhono ezahlukeneyo namava etafileni.
"Siphindaphinde kabini isiseko sethu sabaxhasi kwaye sandise amandla ethu enkxaso ukusukela ngo2018," utshilo uMkhize. "Imodeli iyasebenza, iyakhula, kwaye iziphumo azinakuphikiswa."
Ngolu Suku lwaBantwana, umyalezo ucacile: liqaqobana nje labantwana baseMzantsi Afrika abasuka kwiindawo ezihlelelekileyo abafikelela kwimfundo esemgangathweni efunekayo ukuze baphumelele. IRuta Sechaba Foundation ichonga kwaye ixhasa aba bafundi, inika amathuba okugqwesa ezifundweni, kwezemidlalo, ubunkokeli, nobomi.
"Imbuyekezo yolu tyalomali inkulu," uvale ngalo mazwi uMkhize. "Uluntu luyaguqulwa, kwaye kuvela isizukulwana seenkokeli, zixhotyiswe ngokugqwesa kunye novelwano. Wonke umntwana ufanelwe leli thuba, kwaye wonke umntu othatha izigqibo kufuneka abuze: sityala njani kuphuhliso loluntu oluya kubumba ikamva lethu?"