Iindaba

Kulindeleke ukuba inqanawa iMein Schiff igalele iR120-million kuqoqosho lwaseNMB

Umbhali Wethu|Published

Inqanawa iMein Schiff.

Image: Transnet National Ports Authority/Facebook

Ukufika kwenqanawa iMein Schiff 4 kwizibuko likaTransnet National Ports Authority (TNPA) eBhayi, eNelson Mandela Bay (NMB), kulindeleke ukuba kugalele imali engaphaya kwesigidi seerandi (R120 million) kuqoqosho lwalo mmandla.

Ukufika kwenqanawa iMein Schiff 4 ngoLwesihlanu, umhla wama24 kweyeDwarha 2025 kwizibuko laseBhayi kuphawule ukuvulwa ngokusesikweni kwexesha lokuhamba ngenqanawa ka2025/26 eNelson Mandela Bay.

Le nqanawa iza kuba nabakhweli abangaphaya kwama40 000 ngeli xesha iza kube iseNelson Mandela Bay apho abantu baza kuchitha iintsuku kuyo.

USodolophu waseNelson Mandela Bay, uBabalwa Lobishe, ukuchaze oku njengenyathelo elikhulu eliqinisekisa ukukhula kwesi sixeko njengendawo ekhethwayo yokuhamba ngenqanawa kwihlabathi jikelele.

"Zonke iinqanawa ezimisa kwizibuko lethu zizisa amathuba amatsha kubahlali bethu nakumashishini asekuhlaleni.

"Ishishini lokuhamba ngenqanawa ligalela izigidi kuqoqosho lwethu rhoqo ngexesha leenqanawa apho abakhenkethi bachitha imali, nezinto zithengwa kwalapha. Kudalwa nemisebenzi exhamla abakhokela abakhenkethi, amagcisa, abaqhubi bezothutho, kunye nabasebenzi abasebenza kwiindawo abantu abalala kuzo kumasipala wonke," utshilo uLobishe.

ULobishe uthe ngaphaya kwefuthe lezoqoqosho, oku komeleza umtsalane weNMB ezizweni, ikwakhuthaza ilifa lenkcubeko yale ndawo, kwaye ixhasa amashishini amancinci ekuhlaleni abonelela ngeemveliso namava alapha ekhaya.

"INelson Mandela Bay ivuleleke ngokwenene kukhenketho, urhwebo, kunye nokwabelana ngenkqubela," utshilo uLobishe.

Ethetha ngokubaluleka kweli xesha, uManejala wezibuko laseNelson Mandela Bay, uPamela Yoyo, uthe ixesha lokuhamba ngeenqanawa lika2025/26 lithembisa ngokusiphakamisa ngakumbi esi sixeko njengendawo ekufuneka ihanjelwe kwihlabathi jikelele, iqhube ukukhula okuzinzileyo kwezokhenketho kunye nokomeleza indima yezibuko njengento ekhuthaza uphuhliso loqoqosho.

"Ngaphandle kwefuthe elikulu lezoqoqosho, eli lithuba elixabisekileyo lokubonisa inkcubeko edlamkileyo yesixeko kunye nokubonisa ububele esidume ngabo kwihlabathi. Sizibophelele ekudaleni uhambo olungalibalekiyo kwiindwendwe zethu kunye nokuqhuba ukukhula koqoqosho oluzinzileyo ngokusebenzisa intsebenziswano ecwangcisiweyo," utshilo uYoyo.

UYoyo ukwaqinisekise ukuba iTNPA iya kuqhubeka isebenza ngokusondeleyo nabezomthetho ukuqinisekisa ukhuseleko lwabo bonke abatyeleli ngeli xesha.

Ishedyuli yalo nyaka yeenqanawa imiselwe ukuba ibe yeyona inde, iqukunjelwa ngokufika kwenqanawa elindwe ngamehlo abomvu iZhao Shang Di Yun nge9 kweyeKhala ka2026.