Uza kuchitha ubomi ejele odlwengule umtshana womfazi.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Iza kuchitha ubomi bayo ejele indoda yaseLower Gwalana, eNgqushwa, emva kokuba iNkundla yeNgingqi yaseNgqushwa imgwebe ubomi emva kokumfumana inetyala lokudlwengula umtshana (16) womfazi wakhe ohlala nabo nanjengoko engasenabo abazali.
Ogwetyiweyo, uMluleki Makrwalana (62), esi senzo wasenza kweyeNkanga ka2023 ekhayeni labo eLower Gwalana ephangele umfazi.
Ingxelo yeNPA ithi, ixhoba labhujelwa ngabazali balo bobabini ngo2018 eBhayi, umakazi wakhe walithatha ixhoba laphantsi kwakhe eNgqushwa.
Ixhoba lalilala kwigumbi elinye nomntwana wesi sibini oneminyaka eyi12.
Isithethi seNPA eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali, uthi ngosuku lwesiganeko umfazi kaMkrwalana wayesemsebenzini, ze uMkrwalana wathuma umntwana (12) wakhe ebumelwaneni, wayalela ixhoba ukuba lona lishiyeke endlini lingahambi.
Ingxelo iqhuba ithi, umyeni wangena kwigumbi lexhoba sele eze ngezantsi efake ikhondom kuphela wabe sele enyanzela ixhoba ukuba likhulule walidlwengula.
UTyali uthi ixhoba lazama ukutyhiliza uMkrwalana kude labalekela kwamakhelwane lahlanguleka. Umyeni waye wabanjwa wavalelwa.
Inkundla ithi uMakrwalana wajikela ixhoba nankengoko bekufanele ukuba udlala indima katata kwaye iyalikhusela.
INPA isamkele esi sigwebo sinikwe okaMakrwalana isithi iyakubasisifundo esikhulu nakwabanye.