Iindaba

Usapho lentwazana ebhaqwe ibulewe eMthatha luthi okubuhlungu ngabantwana bakhe abasancanc’ ibele!

Abongile Ginya|Published

EMFANEKISWENI: Ongasekhoyo uBoniswa Msuthwana (28) kwakunye notata wakhe obebalisa ngentlungu abajamelene nayo.

Image: Uthunyelwe

Abazali bakaBoniswa Msuthwana (28) wakuMtshobo, eTabase, eMthatha, obhaqwe edunduluze phezu komfula waseNgqunge, bathi linxeba elingenakuze liphole kuba eshiya amawele asancanca ibele kubantwana bakhe abane.

UBoniswa ugqityelwe ngomhla wama24 kwinyanga yeDwarha kusasa kowabo esiya kwisingcwabo esikwaselalini. Akazange abuye kuso de waba ubhaqwa ngengomso eNgqunge ebulelwe.

Utata ozala uBoniswa, ongenampilo entle, uthi wayebuya esibhedlele yena ngeentsuku zokwehlelwa yile ntlungu, zange bakwazi ukulala ebusuku kwade kwasa.

Ubalisa intlungu esithi kwasa behleli ngoMgqibelo bejonge ukuba angangena uBoniswa. Uthi kusasa bathumela abantwana kumzi obunomngcwabo ukuba bayokubuzisa. Kwathiwa ebekhona nangona engazange aqatshelwe ukuba ugoduke nabani na.

"Sisahleli kwakusasa kwangena amadoda amabini kusithiwa makuyokufaniswa kukho umntu obhaqwe ebhubhile, ndafika inguye emanzi kukunethwa eqameliswe ngejezana. Kwakungekho gazi kwaye kungekho mkrwelo koko engenazo izihlangu enemikrwelwano yokurhuqwa," utshilo utat' uMsuthwana.

Owombutho olwela amalungelo abantwana kwakunye namanina, iKhula Community Development Project, uPetros Majola obetyelele ikhaya lesehlo, uthi noko kudala esithi kwanele kubantu abangamadoda nangona esithi akazukuphela mandla.

UMajola uhlabe ikhwelo kwakhona ngelithi kubantu amadoda makoyike futhi alihloniphe igazi lomntu, ingabi yinto elula ukuthatha umphefumlo womntu.

INkosi yendawo, uNkosikazi uNokhakha, uthi siyothusa esi sehlo kakhulu. Uthi okuxakayo kukuba laa lali yilali encinci kwaye ekuzalwana phantse umntu wonke.

Abanomdla wokunceda abantwana bakaBoniswa abane abashiya ngasemva – oyinkwenkwe (12), intwazana (5) kwakunye namawele anonyaka omnye (1) ayinkwenkwe nentombazana. Iakhawunti yebhanki kaCapitec ithi: 2000118689 Nosebenzile Msuthwana.