Intsimi ezaliswe ziintyatyambo.
Image: iStock
Intlakohlaza lixesha elonwatyelwa kakhulu sisininzi sabantu kuba indalo iyatshintsha ibukeke ngexesha leNtlakohlaza. Nanku umbongo ongeNtlakohlaza obhalwe nguJames James Ranisi (JJR) Jolobe (1902-1976).
UJames James Ranisi (JJR) Jolobe.
Image: SAHO
INTLAKOHLAZA – JJR Jolobe
Ntlakohlaza, siyakubulisa!
Mvuseleli, sithi tyaph' ufike.
Luhl' uhlaza olwambes' umhlaba,
Neentyatyambo ezigqagqeleyo.
Ubulusizi umhlaba ukhedamile,
Uxwebil' uhlininika, umbi-
Namhla uyancuma, uyahleka,
Ntlakohlaza, siyakubulisa!
Ubugugile, wambeth' amajacu,
Uneentloni, amehlo ejonge phantsi;
Wawambesa, wanjengomtshakazi.
Ntlakohlaza, siyakubulisa!
Yonwabile nayo imifula,
Iyadloba ngokwamatakane,
Ihlokoma, idanduluka isithi,
'Ntlakohlaza, siyakubulisa!'
'Ntlakohlaza, siyakubulisa!'
Silandeli sobusik' obubi,
Mfudumezi emva kwamakhephu,
Mniki-bomi olandel' intshazo.