Kwimihla esikuyo kubalulekile ukuba umshologu uheshwe usankqonkqoza, yaye kuthathwe namanyathelo afanelekileyo ukuwuchila. Isenzo senye seenqununu kwisikolo iUlwazi High School, eMdantsane, sihlasimlisa umzimba, yaye sisisithuko kwiphondo lethu.
Ukutyiwa kwemali ekumele ukuba sisondlo nomxhaso wabantwana bethu ezikolweni ayibobusela kodwa bubugruxu nobuxelegu. Iba mbi le nto xa isenziwa ziinqununu nootitshala ekungabona bantu bayaziyo imeko yabantwana ababafundisayo mihla le.
Kwiveki ephelileyo kube licham ukuba ndikhokele iKomiti yaBucala yeMfundo, ngaphantsi kweNdlu yesibini kwiPalamente kaZwelonke iNCOP, kutyelelo lwePhondo iMpuma Koloni. Olu tyelelo belunjongo ikukukhangela umgama osele uhanjiwe kulwakhiwo lwezidingo zeziseko zophuhliso kwizinto ezifana nezindlu zangasese, amanzi, amakhitshi okuphekela abantwana, uthutho lwabantwana, amagumbi okufundela ingakumbi imibundlwana ye-Early Childhood Development nesandula kufakwa ngaphantsi kwesebe lezeMfundo, kulo umiyo.
Ibingeyonjongo yekomiti ukuba ipolise umsebenzi wephondo nanjengoko ibizakuzela umsebenzi oqondene nayo, msebenzi lowo ocaciswa gca kumgaqosiseko weli. “Landela umsebenzi owenziwe ngemali iPalamente eyayihlahlela amaphondo (iMpuma Koloni) ukuba enze ngcono impilo yabantwana ezikolweni.”
Izinto esithe siyile komiti saziva eMpuma Koloni zihambisa umzimba. Okothusa nangakumbi zenziwa ngabantu abasexabisweni lokuba babengabazali. Okuphawulekayo, bakhula ngokubheka phezulu njengezithombo kodwa iingqondo zibophelelekile ebuseleni, nasekuzicingeleni bona ziqu.
UMphicothi zincwadi Jikelele (Auditor General/AG) uxelele ikomiti endiyikhokelayo ukuba imali yeScholar Transport, akukho nto ilandelekayo, kuyahlawulwa kodwa akukho bani ukwaziyo ukudlulisa umkhondo ngokona kuhlawulelwayo. Into eliyisebenzisa njengetyholo lokuzimela ela phondo kukuba lo msebenzi uyasokolisa ngokuba usenziwa ngokuhlangeneyo nesebe lezothutho.
Yimfitshimfitshi ke leyo.
Esikwaziyo kukuba abantu abathutha abantwana bayakhala bona kuqala, ngoba abahlawulwa. Xa kufuneka kuyiwe ezimalini iba ngunam nawe. Le nto iyababulala oosomashishini kuthutho ngeeteksi. Ngootata noomama abancama isenti yokugqibela ukuba besithi bayanceda, xa kufuneka bebuyekeziwe, kuthethw’ amathsuphelele angaphele ndawo.
UAG usixelele ukuba imali ebekelwe iziseko zophuhliso isetyenziswe yaphela, phofu inkcitho ngomsebenzi owenziweyo akumelanga ukuba ihlanganise neshumi lepesenti. Kwiinkampani zabucala abantu bayagxothwa oku kwakwenzeka. Ukutya imali ngolwa hlobo bubusela norhwaphilizo ekufuneka abomthetho babambe umntu asiwe ngaphaya kwezitshixo, nto leyo ekungamelanga ukuba ilinde ukuqukunjelwa kwenkqubo yangaphakathi yesebe.
Ikomiti khange ibone nekhitshi elinye elisemgangathweni wokuba kungaphekelwa abantwana kuzo zonke izikolo ezityelelweyo. Izindlu zangasese ewe bayamunamuna, kodwa saphoxakala eBodiam Primary eNgqushwa. Ikomiti yayalela inqununu yakhona ukuba ikrwitshe ilawu yaye mazivalwe izindlu zangasese. Umnqweno kukuba urhulumente akhawuleze abonelele esa sikolo ngeemobile toilets.
Uhambo lwethu lwathi lwakuchaphazela ubusela bemali yesondlo sikarhulumente, kwaphongoma wonke ubani, sophisa sonke kukuphoxeka. Iindaba ezavelayo kukuba iinqununu, ngokusebenzisana nabanye ootitshala, bayayinqisha imali yesondlo sabantwana njengaseUlwazi High School eMdantsane. Ewe zizityholo nekusalindeleke ukuba inqununu iziphendulele kuzo, kodwa oku asindlela ilungileyo yokukhokela abantu.
Alikho ilizwe elakhiwa, laphumelela ngobusela nalapho abantu bagxeleshe ukugxulushela ezabo izisu nababo abantwana. Xa kuthathwa okuncinci urhulumente aza nako, kusetyenziselwe ulonwabo notywala sithi isizwe masifunde ntoni kuthi. Ngomphi umzali onebhongo lokuba abantwana bafunde ubusela kuye? Inqununu yaseUlwazi High School imele ukudana ngesenzo sayo, nesele ngoku singumba weengxoxo kumakhasi onxibelelwano kulo lonke eli.
Ngokwenkcitho yenqununu, nezinto ezithengileyo ngale mali kutyholwa ukuba izithathele kuyo ngolunya, kuyacaca ukuba bekungekho kuxakeka kodwa ubugruxu.
Esi senzo simele ukumkhokelela ekubeni aye kwamantyi aye kuphendula. Kodwa okubalulekileyo nangakumbi kukuba imali engangesigidi seerandi ibuyiselwa njani kwingxowa yesikolo.
Ngokwengxelo ka-AG kwikomiti, zintathu iinqununu esele zinqunyanyisiwe eAmathole West District ngalo mkhuba nomkhwa. Ikomiti endiyikhokelayo, ayikwamkeli ukunqunyanyiswa kuphelele apho; imali mayibuyele engxoweni yesikolo, yaye sikhangele indlela yokuba amasela la aphendule ngobusela bawo, enkundleni nasesebeni, kusetyenziswa isolotya lomthetho.
Yadana yaphongoma ikomiti ziindaba zesekela nqununu kwisikolo esithile, nelityholwa ngokuthengisa abantwana abangamantombazana. Isekela nqununu lintyumpantyumpeka ematyaleni aquka izenzo zobuhule, yaye liyalelwe ibheyile. Okubambisa ongezantsi kukuba isekela nqununu, ngumzali yaye ngumfundisi ebandleni lakhe. Sithumela abantwana ezikolweni, kanti sibathumela kumarhamncwa anyolukileyo, nangamagruxu.
Ikomiti endiyikhokelayo iza kuqinisekisa iinguqu yaye abantu baza kukwenza abakuqeshelweyo. Iinqununu, ezaziyo ukuba azinanjongo ngabantwana bephondo mazime ngasemva kuze amatshantliziyo awuqondayo umcimbi wemfundo. Asiwafuni amasela, asibafuni abarhwaphilizi.
Kwinkonzo yokuhlangula isizwe, neyaqalwa mandulo ngoonyawozabezolo, asikwazi ukuba singalityaziswa zizidlamali namasela.
Likamva labantwana bethu eli sithetha ngalo apha.
Ngombhali
UMnu. Makhi Feni
Image: Uthunyelwe
Umnu. Makhi Feni nguSihlalo weKomiti yaBucala yeMfundo, iNzululwazi, namanye amacandelo oBugcisa ngaphantsi kweNdlu yesibini kwiPalamente kaZwelonke, iNCOP.