UKomphela akagungqi emsebenzini wakhe kwiChiefs!

USteve Komphela exhagwe ngabadlali beKaizer Chiefs. Umfanekiso: BackpagePics

Amakhosi akafumenanga mpumelelo kwimidlalo emine edlulileyo. Lo nto iyawakhathaza amawakawaka abalandeli bawo – kodwa umqeqeshi uSteve Komphela uthi iqela lakhe lizakuqhubela phambili nomsebenzi nokuba liyaxinga na.

IKaizer Chiefs ayikwazanga ukuqokelela amanqaku amathathu izolo kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obuphakathi [kwayo] neCape Town City ophele ngo’1-1 eFNB Stadium izolo ebusuku.

Amakhwenkwe kaKomphela afake igowuli kuqala, ingxaki ewaveleleyo kukukhutshwa kukaSibusiso Khumalo ngekhadi elibomvu ngomzuzu wamashumi amabini anesibhozo.

Emva koko iCape Town City ibuye ngamandla – kodwa iChiefs izamile ukuxhathisa kwade kwayiywa kwixesha lokuphumla. Kwisiqingatha sesibini iCity ifumene igowuli lokulinganisa – aphela nyaa amathuba okufumana amanqaku apheleleyo kwiChiefs kuba ibidlala ngabadlali abalishumi.

Iziphumo zalo mdlalo abazamkelanga abalandeli beChiefs; bebefuna kumqeqeshi esiqwini – kodwa uKomphela uthi yintlal’isenzeka leyo. Kudliwano ndlebe alenze kumabonakude [TV], le ndedeba eyayifudula iqeqesha iBafana Bafana, ithe imigushuzo eyenziwe ngabalandeli ilindelekile kwaye yenzeka kubo abantu.

“Zizinto ezenzekayo ezi kule misebenzi yethu. Okwethu thina kukuqhubela phambili nomsebenzi noba kunjani na. kufuneka uyirhuqe inkqwelo nokuba ayinamavili xa kukubi,” utshilo uKomphela.