‘MayingabingooNopopi ooCeba, mabasebenze ekuhlaleni njengoko bonyulelwe oko’

Inkwenkwana u-Unecebo Mboteni (3) ngethuba iyinkonzo yakhe yomngcwabo eDiphini eMooiplaas. UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

Okona kube phambili kwizithethi ebezizimase umngcwabo kaUnecebo Mboteni (3), inkwenkwana ebhubhe kukurhaxwa lilindle esikolweni sayo, ibekukugxekwa kokungabikho kwenkathalo nanjengoko kube kanti kusekho ithoyilethi esengulamhlobo ingakumbi esikolweni soonomgqushwana.

Utata othethele usapho utat’ uMthetheleli uthi oku kwehle kwikhaya labo banqwenela ukuba kungaze kuphindeke nokuba kukomphi na umntwana. Uthi le nto ayiqhelekanga. Uthi oku kubonakalisa ukungabikho nkathalo kuRhulumente kwanabo basemagunyeni.

“Ikhrishi liziko lokuqala lokugcina umntwana kwanelokunqkonkqa ikamva umntwana kuba uphuma sele ezazi negama lakhe. Umzali usa umntwana wakhe ekhrishi kuba efuna agcineke ngokukhathalelekileyo kwaye enethemba kuba umsa ebantwini abaqeqeshelwe ukhathalela abantwana.

“Asilindelanga ukuba kungathwa umntwana ulahlekile engaphakathi ekhrishi ube ubumsele ukuba akhathaleleke,” utshilo utat’ uMthetheleli.

UPetros Majola weKhula Community Development ongomnye wabanconywe zizithethi zekhaya ngenkxaso ayibonakalise kweli khaya ngexesha lobunzima, ugxeke kabukhali ooCeba abonyulwe luluntu esithi ngabona bantu balimaza uRhulumente ibe ngathi akasebenzi kanti ngabo abathathi manyathelo kwaye ikwangabo nabanoxanduva lokuxela kwabangentla kubo xa kwehle iziganeko kwiindawo zabo zokuhlala.

UMajola uthi iNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane soze iyazi into xa bengaxelelwa ngabasezantsi nabonyulelwe ukuncedisa uRhulumente.

Uqhube wathi kulo lonke eli alihambayo kusoloko kukhalwa ngoCeba ongekafiki okanye akakancedi kodwa abe onyulelwa ukukhawulelana neengxaki zabahlali zikwazi ukufikelela kwabasemagunyeni.

Uthi ooCeba mayingabingooNopopi mabasebenze kwaye oku kwenzeke eMdantsane bubuxelegu. Uthi iithoyilethi ezinje noko azilindelekanga kule nkululeko sikuyo.

“Makusetyenzwe izokubangathi akasebenzi uRhulumente kanti kukungashukumi kwabo ooCeba ezindaweni abakuzo,” utshilo uMajola

Uthi abathi ngootitshala abatshonise umntwana ethoyilethi, koko basilele kwinkathalo ekujongeni abantwana.

ILungu lePalamente eKapa phantsi kombutho weDA uBaxolile Nodada nobezimase lomngcwabo naye uqinisekile ukuba baza kulilwela ilungelo lomntwana kuba baza kuwathatha amanyathelo ngesi sehlo kwaye abachaphazelekayo kwakufuneka bephendulile beze neempendulo. Uthi noko bekungafanelekanga ukuba kusekho uhlobo olunje lweethoyilethi.

U-Unecebo ekhayeni kuthiwa ibingumntwana obesele ebonakalisa iimpawu zobunkokheli kule minyaka imbalwa ebenayo nanjengoko nasecaweni ebesoloko ephithizela ezibonakalisa ngokokutsho koMfundisi wakhe obekulo mngcwabo.

Usapho lukwathi ebekhaliphile enomohluko kunabanye abantwana. UMfundisi ubophe ikhaya ecaphula kwincwadi yezibhalo ezingcwele kuYohane 14:1 apho ithi, “Iintliziyo zenu mazingakhathazeki” kwaye ‘uYesu uthi mavumeleni abantwana beze kum ngokuba ubumnkani bamaZulu bobabo.’

Imibutho yezoPolitiko ebizimase lo mngcwabo yiDA kwakunye neAction SA.

U-Unecebo ubhubhe kwiveki ephelileyo esibhedlele eFrere emva kokoyisakala kwakhe kwemiphunga kuba isithi ingxelo urhaxwe kakhulu yile ncidi. Oku kusemva kokutshona kwakhe ethoyilethi esesikolweni sakhe iLittle Champions kwaNU 6 eMdantsane.