URonwen Williams ucelela inkxaso yabalandeli beChiefs nePirates!

URhulani Mokwena ongumqeqeshi weMamelodi Sundowns naye uRonwen Williams bethetha neentatheli phambi komdlalo weCAF Champions League. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

UKapteni weMamelodi Sundowns, uRonwen Williams, ucela inkxaso kubo bonke abalandeli beqela lakhe nakubantu bonke baseMzantsi Afrika phambi komdlalo obalulekileyo namhlanje. Amasandawana aza kudibana neqela laseTunisia, iEsperance, emdlalweni weCAF Champions ekulindeleke ukuba kudlane iintsimbi kuwo ngentsimbi yesibhozo ebusuku eLoftus Stadium. Ngumdlalo ekunyanzelekileyo aphumelele kuwo Amasandawana emva kokuquthiswa ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni obuseTunisia kwiveki ephelileyo.

URulani Mokwena ubaphumze bonke abadlali bakhe emdlalweni weDStv Premiership iSundowns ebethe kuwo iSekhukhune United ngamagowuli amabini kwelinye ebutsheni bale veki. Bekunyanzelekile ngoba abadlali bakhe badiniwe ngenxa yokunyuka besehla.

Eyona nto engamandla kukuba uMokwena ufuna iSundowns iye emdlalweni wanamhlanje ngamandla wayo onke ngoba kunyanzelekile ukuba iphumelele ukuze iye kwisigaba sokugqibela seChampions League – eyeyona ndebe ejongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli beSundowns.

Ethetha neentatheli kule veki, uWilliams ucele abalandeli beSundowns, iChiefs nePirates ukuba bagcwalise ibala namhlanje ebusuku. “Makhe sibeke iiyantlukwano zethu ecaleni okwethutyana. Sicela abalandeli beSundowns nabathandi bebhola ekhatywayo bonke ukuba basixhase ngoba siyadingana.

“Masiyenzele lo nto ibhola yethu ekwinqanaba eliphezulu ngoku. Sicela nixhase iSundowns ngoba lo nto iza kuphakamisa ibhola yaseMzantsi Afrika,” utshilo uWilliams. Ukuze iSundowns iye phambili kwiChampions League, kufuneka iphumelele ngamagowuli amabini eqandeni.

Njengomntu oyinkokeli yeqela lesizwe, aBafana Bafana, uRonwen ebekhe wakuva ukuxhaswa lilizwe lonke. Ngoku ufuna okwenzelwe aBafana Bafana kwenzelwe neSundowns phambi komdlalo wayo onzima kowayo. Noxa iEsperance yaphumelela kowayo – kodwa umdlalo wawuphethwe yiSundowns ingaziphethanga zonke izikrweqe zayo.

“Kungakuhle ukuba iSundowns ingaxhaswa ngendlela abaxhaswa ngayo aBafana Bafana. Usuku olunye nje, sicela nibeke ecaleni amaqela enu nixhase iSundowns ngoba siyayidinga inkxaso yenu. Asiyenzeli thina kuphela le nto, siyenzela izizukulwana ezizayo,” utshilo uWilliams.