IMamelodi Sundowns isecicini lokuzuza iindebe ezintathu kwisizini enye!

URhulani Mokwena ebhiyozela impumelelo yeMamelodi Sundowns emva kokubetha iKaizer Chiefs emdlalweni weDStv Premiership eFNB Stadium. Umfanekiso: ©Phakamisa Lensman/BackpagePix

IMamelodi Sundowns isecicini lokuphumelela iindebe ezintathu kwisizini enye. Oku kuza emva kokuba iSundowns iphumelele indebe yeDStv Premiership kwiveki ephelileyo eFNB Stadium – apho ivuthulule khona iKaizer Chiefs ngamagowuli amahlanu kwelinye.

Kanti ngempelaveki egqithileyo, iSundowns ibethe iStellenbosch FC ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weNedbank Cup obunzima eDanie Craven Stadium. Lo nto iyinika ithuba lokuphumelela enye indebe xa idibana ne’Orlando Pirates emdlalweni wokugqibela weNedbank Cup oza kube useMbombela Stadium ngomhla wokuqala kweyeSilimela.

Nakubeni iSundowns izamile ukuthatha indebe yeCAF Champions League ekhutshwe kuyo yiEsperance de Tunis kutshanje – kodwa okuhle kukuba ibisele ifake engxoweni indebe ye’African Football League ebiqala ukudlalelwa phantsi kweCAF.

Emva kokubetha iChiefs, uRulani Mokwena ubancomile abadlali bakhe emva kokungatyhafiswa kwabo kukuphoswa yindebe yeChampions League iminyaka ilandelelana. “Ngoomanqanqa abadlali esinabo. Kwakuthatha iminyaka ukuba nabadlali abanjengaba kwakhona,” utshilo uMokwena, othe abadlali bakhe benza kube nzima ukudlala neSundowns.

UMokwena uthe iqela lakhe belifuna ukuthatha zonke iindebe ezikhoyo – kodwa wavuma ukuba alinalo ilungelo elikhethekileyo lokuphumelela zonke iindebe ezikhoyo. “Ingxaki esikuyo kukuba kulindelwa yonke into xa uwenza kakuhle umsebenzi. Ndifuna ukuncoma abalandeli beSundowns ngokusixhasa.

“Ndiziva ndiwongekile yinkxaso abandinika yona,” utshilo uMokwena ethetha kwiSuperSport TV. Nangona iSundowns iphoswe yindebe yeChampions League – kodwa ifumene eyona nto enkulu: ukudlala kwiFifa Club World Cup eza kube isengethwe eMelika kunyaka ozayo. Ngokudlala kuyo, iSundowns iza kunikwa imali eyiR1-billion yonke.

Ukuze iSundowns ifumane indebe yesithathu kule sizini ephelayo, kufuneka igqithe kwiPirates ngomhla wokuqala kwinyanga ezayo. Okunika umdla emdlalweni ophakathi kweSundowns nePirates kukuba axhibene ngoba ebekhe adlala umdlalo weMTN8 owaphunyelelwa yiPirates ekuqaneli kwesini eMoses Mabhida Stadium.

Amakhwenkwe kaMokwena aza kuya eMpumalanga efuna ukubuyisa izitya. Kanti kwelinye icala, iPirates iza kuya emdlalweni ifuna ukukhusela indebe yayo ebiyiphumelele kunyaka ophelileyo. Omabini amaqela aqhuba kakuhle emidlalweni yeDStv Premiership.