UKwanele Kopo utyhola umqeqeshi wePirates ngokubathuka emdlalweni obuseGqeberha

UKwanele Kopo ngumqeqeshi weChippa United. Umfanekiso: Pedro Mapelo/I’solezwe lesiXhosa

Umqeqeshi weChippa United, uKwanele Kopo, uzamkele iziphumo zomdlalo – kodwa akayamkelanga indlela ekuthethwe ngayo kubo ngumqeqeshi we’Orlando Pirates. Oku kuvele emva kokuba iPirates ibethe iChippa United ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weNedbank Cup obutaka iintlantsi eNelson Mandela Bay Stadium ngempelaveki egqithileyo. Ethetha emva komdlalo, uKopo uxelele iSuperSport TV ukuba uJose Riveiro usebenzise amazwi amabi ngethuba begrwangxulana kusaqhubeka umdlalo ebaleni.

UKopo uthe ukunikwa kukaBienvenu Eva Nga ikhadi elibomvu ngunobangela wezinto ebezisenzeka ngaphandle ebaleni. “Ndibuhlungu ngoba zange ndathukwa ngomnye umqeqeshi, futhi ndiqinisekile noThabo September zange yamehlela lo nto,” utshilo uKopo obesisifu ngumsindo emva komdlalo. “Ndiyayihlonipha iPirates ngoba liqela elikhulu kakhulu. Kodwa ndiyafuna ukuthi indlela athethe ngayo kuthi umqeqeshi wayo ayamkelekanga ebholeni ekhatywayo futhi nabancedisi bakasompempe bamvile.

“Uxhokonxwe ngumqeqeshi uEva Nga – kodwa amagosa abephethe umdlalo khange enze nto. Thina sikhule ngamaxesha anzima eMzantsi Afrika siyazibuza ukuba ingaba siphathwa kakubi ngenxa yebala lethu kusini na? Andinayo ingxaki nePirates – kodwa umqeqeshi wayo undishiye ndinemibuzo. Ndifuna ukubulela uMandla Ncikazi ozileyo kuthi wazokuxolisa,” utshilo uKopo. Umqeqeshi wePirates uziphendule izityholo azibekwe ngumqeqeshi weChippa United emva kokubuzwa yintatheli yeSABC TV emva komdlalo.

“Andinazo izimvo ngabanye abaqeqeshi. Uthi simthuke njani? Ebekhona amaxesha ebesikhe satsarhana ngamazwi singabaqeqeshi ngoba bendingathandi okwenzeka ebaleni. Zikhona izinto ezenzeke ebaleni ezingenanto yakwenza nebhola. Enye yezinto eziphambili kum kukukhusela abadlali bam. Ndingummntu othuleyo futhi onoxolo – kodwa abakhona amaxesha kunyanzeleke ukuba ndisikume xa ndibona ukuba kwenzeka into engalunganga,” utshilo uRiveiro olebele ngelithi akukho nto igwenxa eyenziwe ngabaqeqeshi bePirates ngethuba lomdlalo.