Ukungabiko kwabamnyama kulibuyisela emva iqela lesizwe leqakamba

Umqeqeshi weqela lesizwe leqakamba wothuse umzi kwiiveki eziphelileyo ngethuba esazisa amagama wabadlali beqela eliza kudlala i2024 T20 World Cup elinomdlali omnye omnyama. Kuye kwanyanzeleka uRob Walter ukuba acacise ukuba kutheni iqela lesizwe liqhwayela emva nje kwicala lokwakha iqela elinabadlali abamnyama. “Umsebenzi wam ophambili kukwakha iqela eliphumelelayo,” utshilo umqeqeshi xa ebuzwa ngeqela elibadlali abaninzi abamhlophe. Imibuzo ivele kuba iqakamba yenye yemidlalo engakaguquki ngokwanelisayo eminyakeni engamashumi amathathu enkululeko eyazuzwa ngo1994.

“Ukuze ndikwazi ukwakha iqela eliphumelelayo kunyanzelekile ndichonge abadlali abaqaqambileyo emdlalweni weqakamba,” utshilo uWalter. Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lilungiselela imidlalo yeT20 World Cup eza kuqala ngomhla wokuqala eMelika naseWest Indies. Kubadlali abalishumi elinesihlanu, nguKagiso Rabada kuphela umdlali omnyama. Abadlali abalithoba bamhlophe, abahlanu ngamakhaladi abenye olindiya. Ingqonyela yeCricket South Africa, uPholetsi Moseki, uvumile ukuba indlela elichongwe ngayo iqela ayithandeki – kodwa uvumile ukuba isizathu sisekwiqakamba.

Okubangela kubekho ukuqhwalela kwicala kokukhula kwabadlali abamnyama kukuba amaqela adlala iqakamba emaphondweni akavelisi abadlali abamnyama ngokwaneleyo. Umgaqonkqubo othi iqela ngalinye maliqale umdlalo linabadlali abathathu awuphumelelanga. Lo nto iza kunyanzela abaphethe umdlalo weqakamba ukuba bazame ukuxoza omnye umphini. Konke oku kwenzeka kakubi kusiza itumente yehlabathi eMzantsi Afrika ngo2027. Ukuba izinto aziguquki, iza kufika bengekho abadlali abamnyama kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika.

Umphathi weqela uEnoch Nkwe uthe iCricket SA isazimisele ukuquka bonke abantu emdlalweni weqakamba. “Sineetumente ezahlukeneyo. Abadlali baqhuba kakuhle kwezinye – kodwa bangaqhubi kakuhle kwezinye. Sinengxaki yokungaqhubi kakuhle kwiT20,” utshilo uNkwe kwiMedia24. Umqeqeshi uthe unethemba lokufunquka kwenani labadlali abamnyama kwisithuba sonyaka phambi kwetumente yehlabathi ngo2027. “Sizimisele ukuvulela abadlali amathuba ukuze bakwazi ukudlala kwinqanaba eliphezulu,” utshilo uWalter. Ukuqhwayela emva kweqakamba kuza kubatyhafisa abadlali abamnyama abanethemba lokudlalela uMzantsi Afrika ngomso.