Ayaphokoka amazwi ovelwano ngokusweleka kukaMpho Sebeng

Umdlali weqonga waseMzantsi Afrika ongasekhoyo uMpho Sebeng. UMFANEKISO: INSTAGRAM/MPHO SEBENG

Asaphokoka amazwi ovelwano avela kwicandelo lezobugcisa kunye nabantu baseMzantsi Afrika ukusukela iindaba zokusweleka ngesiquphe komdlali weqonga uMpho Sebeng, 31, nezivakale kule mpelaveki iphelileyo.

Kuthiwa uSebeng ubhubhe kwingozi yemoto ePotchefstroom, kwiphondo laseMntla Ntshona ngeCawe, ngomhla wesihlanu kuCanzibe ka2024.

Usapho lwalo mdlali luqinisekisile ukusweleka kwakhe kulandela iingxelo zamajelo eendaba ngeCawe emva kwemini.

“Usapho lomdlali weqonga waseMzantsi Afrika, uMpho Sebeng, lunxunguphele ukuqinisekisa eluntwini nakumajelo eendaba ukuba ngenene unyana wabo uswelekile.

“Ngelixa usapho lubulela uthando olungaka kunye novelwano, lucela ithuba lokujongana nezi ndaba,” sitshilo isithethi sosapho lakwaSebeng uOupa Morake.

Umdlali weqonga waseMzantsi Afrika ongasekhoyo uMpho Sebeng. UMFANEKISO: INSTAGRAM/MPHO SEBENG

Oosaziwayo banike imbeko kulo mdlali weqonga

USebeng yinzalelwane yaseSoweto, waqala ukudlala kwimidlalo kamabonakude esemncinane. Ukhe wadlala kwimidlalo kamabonwakude nakwimiboniso bhanyabhanya emininzi – iSoul Buddyz, Savage Beauty, Ring of Lies, The Queen, The Brave Ones, ukukhankanya ezimbalwa.

USebeng uza kungcwatywa ngoMgqibelo, umhla we11 kuCanzibe ka2024.